Kubanjwe abarhanelwa ababini abatyholwa ngokuqweqwedisa ilori kufutshane neJeffreys Bay kwindlela yaseStanford eGqeberha ngentsasa yangoMvulo umhla wesibhozo (8) kuTshazimpunzi, kwiiyure nje ezimbalwa emva kwesi sehlo.
Oku kubanjwa kungenxa yentshukumo ekhawulezileyo yeyunithi yeK9 yaseGqeberha, amalungu esikhululo samapolisa aseKabega Park, kunye nenkampani yonogada yabucala. Iingxelo zidiza ukuba iimveliso zobisi ezixabisa imali engamakhulu amahlanu amawaka eerandi – R500 000 ziye zafumaneka emva kokubanjwa kwabarhanelwa.
Ngokwengxelo yamapolisa, ilori ibihamba kuhola wendlela uN2 usuka eCoega usiya eSt. Francis Bay ngezithuba zentsimbi yesithandathu kusasa.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthe iChevrolet Utility enombala wamalahle ijike phambi kwelori emva nje kokujika okwesibini ukuya eJeffreys Bay. “Umqhubi uye wakhonjwa ngemipu wayalelwa ukuba amise. Umqhubi nomkhweli wakhe banyanzeleke ukuba bangene kwiveni ze behliswa eNew Brighton nalapho baye babika esi siganeko emapoliseni.”utshilo
Kusenjalo emva kokufumana ulwazi malunga nokuxhwilwa kweenqwelo-mafutha ngezithuba zentsimbi yethoba, amalungu eqela leK9 eGqeberha alandele ngokukhawuleza. UVan Rensburg uthi abomthetho babone ilori kwirempu yendlela iStanford inabarhanelwa ababini ngaphakathi.
NgokukaJanse van Rensburg, kufunyenwe i-signal jammer ngaphakathi kwilori. Abarhanelwa, abaneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) namashumi amathathu anethoba (39) ubudala, kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp kungekudala.