19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Abongikazi bayeka umsebenzi emva kokufumana ilindle lomntu kumnyango wekliniki

Ikliniki yaseMabandla eKariega ivalwe usuku lwesibini ngoLwesibini nanjengoko abongikazi bengavumanga ukusebenza emva kokufumana ilindle lomntu emnyango neebhotile ezingenanto zotywala zithe saa eyadini. Ucingo olubiyele ikliniki lwabiwa ekuqaleni konyaka kwaye nangona bekuthenjisiwe, alukatshintshwa liSebe lezeMpilo ephondweni.

Abongikazi baleklinikhi babanga ngelikuba abanakusebenza kule ndawo. Iingxelo ngokwabendaba beGroundUp zithi omnye wabongikazi uxelele izigulana ezazihlanganisene emnyango. Lomongikazi uthe kwizigulane unobangela wokuba bangafumani ncedo kukuba, kukho ilindle kumnyango ongasemva kunye neebhotile ezingenanto zotywala eyadini.

Iingxelo zidiza ukuba, abongikazi batshixe ucango bacela izigulana ukuba ziwuthathele kwisebe lezempilo lo mba.

Abongikazi bathi baxelele abantu abasebenza ezigadini kwiNkqubo yeMisebenzi yoLuntu (CWP) ukuba bangalisusi ilindle kumnyango ongasemva njengoko kufanele kube bubungqina.

Ukanti emva kokubiwa kocingo, abongikazi bayeka ukusebenza kwikliniki exakekileyo ngoJanuwari, bechaza iinkxalabo zokhuseleko. Babuyela emsebenzini xa abahlali bezinikela ukuba babe ngabalindi ngokutshintshana. Le kliniki ibonelela ngezigulane ezimalunga namakhulu amahlanu (500) yonke imihla.

Ngelo xesha, isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uxelele iGroundUp ukuba ukutshintshwa kolu cingo yeyona nto iphambili. “Iinkqubo zokuthengwa kwezinto ezingxamisekileyo sele zenzekile ukuqinisekisa ukufakelwa okungxamisekileyo kokubiyelwa kwemida efanelekileyo,” utshilo.

Ukwakhiwa kodonga kwaqaliswa, kodwa akukagqitywa.

UCeba wakwaWadi 45, uSabelo Mabuda (wombutho weANC) uxelele iGroundUp ukuba kumiswa ukwakhiwa kodonga lwekliniki ukusukela ngoFebruwari.

“Le ngxaki isukela ekubiweni kocingo kunyaka ophelileyo. Abongikazi neenkokeli kunye ne-ofisi yesithili yeSebe lezeMpilo bagqiba kwelokuba makwakhiwe udonga.

“Isebe lezempilo lathembisa ukuba lizakufaka isango, ze kwaqaliswa inkampani yokwakha ngoJanuwari. Nangona kunjalo, izixhobo zokwakha azizange ziziswe amatyeli amaninzi kwaye umsebenzi ubuhamba manqaphanqapha. Sathenjiswa ukuba ukwakhiwa kodonga kuya kugqitywa kwiiveki ezine … kodwa akwenzekanga, ”utshilo.

UKupelo uthe ngoLwesibini umphathi wesithili ujongene nalo mba. “Kubanjwe intlanganiso noCeba kunye ne-ofisi yeziseko ezingundoqo.”

“Lo mba unikwa ingqwalasela engxamisekileyo,” utshilo.

Elinqaku liqale laphuma kwi @GroundUp

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks