Inkosikazi yaseGqeberha ebhubhe emva kokuphoswa kwibalcony yomgangatho wesine ibisaphila ngethuba umzimba wayo untlitheka emhlabeni.
Obu bubungqina bengcaphephe ehlola umzimba ka-Andiswa Mpiyana onemnyaka engamashumi amathathu anethoba (39) ubudala emva kokubhubha kwakhe.
Isoka likaMpiyana, uMalibongwe Dwabayo, oneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu(55) ubudala, ubesenkundleni ephakamileyo yesi sixeko malunga nokubulawa kwesinqanda-mathe sakhe okucetyiweyo.
Ngokwengxelo ekhuthshwe liphepha-ndaba iAlgoa, umzimba walenzwakazi wafunyanwa ngomhla wesithathu (3) kweyeKhala ngonyaka ka-2022 kwindawo yokupaka iimoto kwiiflethi ezikumbini waseGqeberha apho umtyholwa wayehlala khona.
Urhulumente utyhola ukuba esi sibini sabandakanyeka kwingxabano ngaphakathi kwiflethi ngeeyure zasekuseni phambi kokufunyanwa komzimba kaMpiyana. Iingxelo zikwadize ukuba bebetsala-tsalana ngokwasemzimbeni kwaye umzabalazo uqhubekile ukuya ebalcony.
Ngokwephepha letyala, abeendaba zeAlgoa badize ukuba umtyholwa ufunqule umfi wamjula emazants kwibalcony.
UGqirha Annemarie Matthews oyingcaphephe kwinzululwazi ngezifo wangqina ukuba wawuvavanya umzimba kaMpiyana ngomhla wesine (4) KweyeKhala ka-2022 njalo .
Ngokutsho kukaMatthews, ukonzakala kukaMpiyana kuhambelana nomntu othe wawa okanye wajulwa kwisakhiwo esinemigangatho emithathu okanye emine.
Inkundla ive ukuba uninzi lokwenzakala kwakhe kukwicala lasekunene lomzimba, nto leyo ethetha ukuba kulapho awele khona.
UMatthews uxelele iGqwetha loMbuso u-Ismat Cerfontein ukuba uMpiyana wayesaphila ngethuba esenzakaliswa.
Wakuqukumbela oku ngokusekelwe kwimikrwelo kunye “neendlela ezibalulekileyo” zokwenzakala kwakhe. Esithi Mpiyana wopha ngenxa yokwenzakala kwakhe. Ekwadakanca ukuba ukubhubha kwakhe ngesiquphe kwaye kwakhawuleza kakhulu.
Kusenjalo umama kaMpiyana, uLiziwe Manyandlela, oneminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu (65), ungqinile ukuba washiyeka egcina abantwana bomfi ababini emva kokubhubha kwakhe. Esithi unanamhla oku, usasokola ukulala ebusuku.
Ngokokutsho kukaManyandlela, intombi kaMpiyana eneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ubudala kunye nonyana wayo oneminyaka elithoba(9) basazamana nokujongana nokusweleka kukanina. Ukwathe ababantwana bahlala bekhala kwaye basoloko bebuza ukuba ityala lifikelela esiphelweni nini.
UManyandlela ubonakalis ukudandatheka ngkwasemphefumlweni xa exelela inkundla ukuba usapho lungakhange lufumane iingcebiso ngenxa yokuba lungenamali.
UDwabayo uyaliphika ityala kwaye ityala liyaqhuba. Sithetha nje, ungaphandle ngebheyile.