20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Afumene imipu emithathu amapolisa kwazakhele Kwiphulo lobuntlola

Kwiphulo lobuntlola, amalungu esipolisa ePhakathi eGqeberha afumene imipu emithathu kwakunye neembumbulu ezahlukeneyo kwiflethi eSeyisi Street Kwazakele ngenjikalanga yayizolo, ishumi elinesixhenxe

Kutyholwa ukuba ngentsimbi yeshumi elinesine anesihlanu, amalungu aqhekeze iflethi ngokuqhekeza iqhaga njengoko ulwazi lubonisa ukuba bekungahlali mntu kodwa imipu igcinwe kuloo ndawo. Ekugqogqeni le ndawo, imipu emithathu (i-revolver, Baby Browning kunye ne-Uzzi) kunye neemagazini zifunyenwe zifihlwe ebhegini kwiwodrophu. Amalungu aphinde athimba iimbumbulu ezingamashumi asibhozo anesibhozo kunye neentsimbi ezimbini.

Idokethi yophando ivulelwe uphando oluthe kratya.

Iinombolo ezilandelelanayo zemipu emibini ziye zafakwa ngelixa ubunini bompu wesithathu bungekaqinisekiswa.

Kwiinyanga ezintathu ezidlulileyo amapolisa afumene imipu elikhulu elinamashumi amahlanu kumasipala ombaxa.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuyisile Ncata uncome amalungu ngokwenza ngokukhawuleza ulwazi alufumeneyo. ‘Le mipu iya kuthunyelwa kwi-ballistics ukuze ihlaziywe njengoko sikholelwa ukuba isetyenziswe ekwenzeni izenzo zolwaphulo-mthetho ezininzi. Sibongoza uluntu ukuba luxele naziphi na izenzo ezingaqhelekanga kwiindawo ezihlala kuzo. Nangona sifumene ikhulu elinamashumi amahlanu imipu, kusekho imipu emininzi ekhoyo, kwizandla ezingalunganga nangona kunjalo, umpu ophuma kwizandla zolwaphulo-mthetho, uyanciphisa ukwenziwa kolwaphulo-mthetho olubi okanye olunobundlobongela, wongeze watsho uMaj Gen Ncata.

Imibuzo: Col Priscilla Naidu
071 362 8726

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks