22.1 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Akasekho emhlabeni uMangosuthu Buthelezi

Kulusizi kakhulu ukuvakalisa iindaba zokusweleka kweNkosana uMangosuthu Buthelezi, iNkosana yaKwaPhindangene, iNkulumbuso yeMveli kuKumkani neSizwe sikaZulu, kwanoMseki noMongameli weqela lezopolitiko iNkatha Freedom Party.

INkosana uMangosuthu Buthelezi ube yinkokeli egqwesileyo kubomi bezopolitiko nenkcubeko yesizwe soMzantsi Afrika kuquka nokuzibandakanya kwakhe neqela kumzabalazo wenkululeko yeli.

INkosana uButhelezi, obenguMphathiswa weMicimbi yezeKhaya wokuqala wedemokhrasi eMzantsi Afrika, ukanti usweleke ngentseni yanamhlanje, umhla we-9 kweyoMsintsi 2023, kwiiveki nje ezimbini emva koba ebebhiyozela iminyaka engamashumi alithoba anesihlanu(95) ezelwe.

UMongameli weli uCyril Ramaposa ukhuphe amazwi ovelwano kusapho nezalamane kwaye echaza ukuba iingcombolo ezipheleleyo ngokungcwatywa kweNkosana zizakulandela kungekudala.

Lala ngoxolo tata. Ugqatso lwakho ulufezile.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.1 ° C
22.1 °
22.1 °
40 %
5.3kmh
100 %
Sun
21 °
Mon
25 °
Tue
24 °
Wed
26 °
Thu
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks