Akukho kuxola ziimpendulo zikaRhulumente ngokubhubha kwabantwana.

Abaxolanga kwaphela abazali, ziziphumo zonobangela wokubhubha kwabantwana babo kwindawo yentselo yaseNyobeni eMonti kwiinyanga ezimbalwa ezadlulayo.

Kuvavanyo lokuqala kwavela ukuba kukho ichiza le(Methenol) kwimizimba yabantwana nagona ingesiso isizathu sokubhubha kwabo. Iziphumo ezivele izolo zithi babhubha ngenxa yofuthamiseleko ntoleyo engawuqinisiyo kwaphela umnqwazi wabazali berhanela uRhulumente ngokubabetha ngoyaba.

Ababazali bathi usuku lwayizolo ibilithemba lokuvala izikhewu ezingaphakathi kwanokubanika uxolo kwimibuzo ebingaphenduleki ngenxa yesisiganeko. Kunjalo nje bathi abaxolanga kwaye namanxeba awade aphole xa kunje.

Umnikazi wendawo yentselo yaseNyobeni notyholwa ngokungabonakalisi kuzisola ngokwenzekayo endaweni yakhe, kulundeleke ukuba avele enkundleni yamatyala namhlanje.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA