13.2 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

Wathinta umfazi, uthinta imbokodo! nantsi eyaseKumkani FM

Bosslady, nomjita waseKumkani fm.

Nanjengoko iphela namhlanje inyanga yamanina, asikwazi ukuyivala singanazisanga ngenina elahlukileyo nelizinikeleyo emsebenzini walo.

Esithetha ngaye uAlime Dyubula nonguNkosikazi woMphathi weMontywood uUnathi(Chuck Dee) Dyubula. Elinenekazi yinkqokonkqoko ephethe, nengumnikazi wesikhululo iKumkani fm.

IKumkani fm 95.8mhz sisikhululo sasekuhlaleni nesaqalwa ngonyaka ka2013 eMonti Senary Park. Esisikhululo sinabaphulaphili abangaphaya kwamawaka amahlanu(50 000) nangaphezulu kwaye siphantsi kweliso lelinenekazi.

UAlime Dyibula(35) wazalelwa kwikhaya elingathathi ntweni njengoninzi loluntu loMzantsi Afrika, ezalelwa kumhlaba waseGxaka-gxaka kude kufuphi neDutywa. Nangona enemvelaphi engentlanga akavumanga ukuba izolo lakhe ligqibe ikamva lakhe. Uzilwele ebomini kwaye nemfundo akayiyeka. Sithetha nje elinenekazi linemfundo enomsila apho wathweswa ngesidanga kwi(B-Tech in Marketing) kwiDyunivesithi yaseWalter Sisulu. Ukwanguye nonongxowa(Treasurer) kwiQumrhu loonomathotholo iCommunity Radio Forum.

Izakhono sakhe, nezinye esingazibalulanga zimncedisile kwindlela asebenza ngayo, nebalaseleyo kwisikhululo sakhe. Ilizwe loMzantsi Afrika lithwe mbande lishwangusha lolutsha olungaphangeliyo, kodwa sibona elinina livelisa amathuba emisebenzi kubantu abatsha abangaphaya kwamashumi amathathu(30)

Lenzwakazi iyawazi umsebenzi wayo kwaye ibalasele, ubungqina buphandle kubantu akhe wasebenza nabo, kuquka neeNkampani zabucala oVodacom, MTN ukubalula. Ukanti onke amasebe kaRhulumente nawo angaqondisa ngomsebenzi welinina nelingonqeniyo ukunikela nakwabo bangathathi ntweni.

Sithi huntshuu mbokodo qhuba ungayeki!!!!

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
13.2 ° C
13.2 °
13.2 °
86 %
3.7kmh
100 %
Thu
13 °
Fri
18 °
Sat
17 °
Sun
19 °
Mon
13 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks