Akukho sisombululo sikhawulezayo kuCimi-cimi wombane

Nanjengoko iSizwe sijongene nengxaki ka cimi cimi wombane, uMongameli weli uCyril Ramaphosa uyavuma ukuba akukho sisombululo sikhawulezileyo salo cimi cimi wombane nangona ugxininiso luqhubekeka ukuphelisa le ntlekele uLuntu lijongene nayo.

URamaphosa ebebhala kwi Ncwadi yakhe ya qho nge veki, esitsho esithi kwii veki ezimbini ezidlulileyo bezikhathaza kakhulu kwaye ukukhathazeka kwa Bantu okanye ukuqumba kuka wonke wonke bayithathela ingqalelo ngokupheleleyo. Eqhuba ngelithi amashishini amakhulu namancinci, alahlekelwa yimali kwaye ingxaki yezamandla ibubeka ebungciphekweni ingakumbi kuqoqosho lwethu.

URamaphosa uvumile ukuba locimi cimi uye usiba mandundu kwaye kuyabonakala ukuba akukho siphelo kule ngxaki.

Esith uRhulumente unika ingqwalasela enkulu kwizakhono nezobu nkokheli, ukuqinisekisa ukuba iNkampani inabona bantu aba balaseleyo kuwo onke amanqanaba.

Ingxelo:Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA