Kuqhushumbiswe isithuthi semali ngolwesihlanu eGcuwa

AmaPolisa aseMpuma Koloni asephantsi phezulu akhangela abarhanelwa abaphange iSithuthi esihambisa imali phakathi kweGcuwa neMonti ngosukulwango lwesihlanu.

Isithethi sobutho looKhetshe Kapteni Yolisa Mgolodela uthe, oonoGada bakwa G4S bebesendleleni esingise eMonti emva kokuqokelela imali kwii Venkile ezahlukeneyo eDolophini nakwiziphaluka. Kufutshane ne Ndabakazi Umqhubi uye weva izithonga zembumbulu kwisithuthi sabo, zisuka kwesinye isithuthi esiyi Veni emhlophe ye Isuzu esine nombolo mbhalo wase Gauteng. Kulapho kuye konakala ama Vili no Mqhubi wagqiba kwelo kuba makamise ze bazama ukubaleka noo Gxa bakhe kodwa baye banqakulwa ngaba barhanelwa ze babalalisa phantsi.

UMgolodela uqhube ngelithi aba barhanelwa baqhushumbise iSithuthi eso sinemali, imali iye yagcwala indlela kwaye nezinye izithuthi ebezidlula ngendlela ziye zazithaphulela.

Elonaxabiso lemali elithathiweyo alikaziwa okwangoku kwaye akukabanjwa mtu kwesisisganeko.

Ingxelo:Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA