36.1 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

Ubhubhe kabuhlungu umntwana(15) waseGqeberha emva kokudlwengulwa

UMkomishinala wePhondo laseMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uvakalise usizi novelwano kwakunye nenkxalabo enkulu ngoku sweleka kwe ntwazana eselula yaseGqeberha eMotherwell ngomhla wamashumi amabini ananye kwi veki ephelileyo.

Lentwazana negama linguZenizole Vena oneminyaka elishumi elinesihlanu(15) ubudala washiya ikhaya lakhe esithi uya kuzimasa umsitho wesiKolo eMalabar kodwa akazange abuye ekhaya. Usapho lwakhe nalo zange layokumchaza njengo lahlekileyo. Kuzo kwala kusasa ngosuku lwango Lwesithathu owaseTyhini oneminyaka engamashumi amahlanu ubudala wafumana le Ntwazana endleleni kwaye ibonakala okuba igula ngamandla kwaye ikhala. Kutyholwa ngelithi uye wadlwengulwa ngamadoda amabini awaziyo.

Lowasetyhini uye wathatha lentwazana bangcambaza besiya kwiziko lezonyango elikufutshane ze xabefika bayalelwa ukuba baqale bayokufaka isimangalo emaPoliseni kodwa umntwana ebonakala ukuba akaphilanga kwaye waye wagabha exhuzula noxhuzula. Ngelishwa aboncedo lokuqala bafike sele ewunabele uqaqaqa.

Akukabanjwa mntu ngesi sehlo kodwa amaPolisa ase Gqeberha asaqhuba uphando.
ULieutenant General Mene uqhube wathi nabani na osilelayo ukubuya ekhaya kulindeleke okanye makathathwe njengo lahlekileyo kwaye kufuneka exelwe ngoku khawuleza emaPoliseni. Uqwele ngelithi ubundlobongela obusekwe kwiSini, abenzi bobubi bayaziwa ngamaxhoba.

Ingxelo:Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
36.1 ° C
36.1 °
36.1 °
29 %
4.1kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks