Sekubomvu ukuba aphothulwe amalungiselelo emidlalo ye-Olympiki.

Ngamashumi amabini anesixhenxe amaqela ongeziweyo kwiqela loMzantsi eliya eParis

Sekubomvu ukuba iqale imidlalo ye-Olympiki nezakuqala kulenyanga ngomhla wamashumi amabini anesithandathu (26) ukuya kutsho ngomhla weshumi elinanye (11) kwinyanga ezayo yeThupha.

Umbutho wezemidlalo jikelele eMzantsi iSouth African Sports Confederation and Olympic Committee ubhengeze amaqela neenjuze ezongezelekileyo kwiqela le-Olymiki loMzantsi Afrika nelaziwa njengeTeam South Africa.

Iqela lesizwe leqakamba iiBlitzbokke lelinye lamaqela angenileyo emva kokuphumelela itumente yeWorld Rugby Repechage eMonaco kwinyanga ephelileyo. U-Ashligh Buhai oyinjinga yeBritish Open kwigalufa kumanina naye ungenile kweliqela uzakube ethabatha inxaxheba okokuqala kwi-Olympiki.

Ngamashumi amabini anesixhenxe (27) ongeziweyo yiSASCOC.

Indidi zemidlalo ezongeziweyo kweliqela loMzantsi yiGalufa, umbhoxo wamadoda kwiiSevens, irowing, icycling, iskateboarding, iequestrian kunye nejudo.

Iqela loMzantsi Afrika lijonge ukuthabatha inxaxheba kwimidlalo elishumi elinethoba (19) kwimidlalo engamashumi amathathu anesibini (32) ekhoyo kwi-Olympiki nebanjelwa kwidophu yaseParis kwilizwe laseFrance.

Iqela leBlitzbok libhengeze abadlali abalishumi elinesithandathu (16) nelizakucuthwa ibelishumi elinesibini (12). IWater Polo nebhola ekhatywayo azithabathi nxaxheba kweziOlympiki kodwa zazikhona eTokyo.

Likhulu elinamashumi amane (140) abadlali abakhoyo kweliqeka kwimidlalo elishumi elinethoba.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA