7.4 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

Akunzima kuyonyukela kooSomashishini baseMtata yiProtection Fee

Ikumkani esizwe sabathembu uBuyelekhaya Dalindyebo ilukhwebela gumbini linye bonke abachaphazwlekayo abangabahlali kwimimandla yaseNtshona kwidolophu yaseMthatha, ukuzokuchubisana kwisikhwebu esinye ngenxa yombhodamo ogqugqisayo wemali yentlawulo yokhuseleko.

Iingxelo zidiza ukuba sele eliqela amashishini athe avalwa kuledolophu ngenxa yokunyanzeliswa ukuba ahlawule imali yokuseleko.

Ubuncinane zine izikolo ezithe zachaphazeleka kulengingqi, ezinyanzeliswa ukuba zikhuphe intlawulelo, nto leyo ekhokelele ukuba esinye sezizikolo sivalwe. Kusenjalo ngoLwesibini umhla weshumi elinesithathu kweyeThupha kulo ummiyo, umzi woqhaqho-zidumbu eMthatha ukhuphe ingxelo ebhentsisa ukuba, uyavalwa lomzi ngenxa yokuqweqwediswa zezizigila-mkhuba.

Nangona kunjalo iKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo, ubhinqe omfutshane ukuzama ukulwa nalombhodamo oqhubekayo.

Kudliwano-ndlebe lethu noNkosazana Ntando Dalindyebo uthi ngoLwesibini umhla wamashumi amabini (20) kweyeThupha kulindeleke ukuba, ikumkani iwungelane nabahlali kunye nabathathi nxaxheba ukuyokuxovula lombhodamo eLaphum’Ikhwezi ngentsimbi yeshumi (10:00) kusasa. Esithi umba ophambimbili abazakuxovula phezukwawo ngowokuba, baqinisekise uluntu ukuba lukhuselekile kwaye nabantwana bakwazi ukuya esikolweni ngomzimba ongenaxhala. UNkosazana Dalindyebo uthi ngokwenza njalo bahlaba ikhwelo nakubantu ukuba beze ngaphambili ngalo naluphi na ulwazi elingakhokhelela ekubanjweni nasekuwugqibeni nya lomkhwa ugqigqisa okomlilo wedobe.

“Sithethile nomphathi wamapolisa wesikhululo saseMthatha Central, usithemisile ukuba ukubonakala kwamapolisa neemotozawo eluntwini iyakuba kumba ophambili ukuze abantu bazive phekhuselekile” utsho uNkosazana Dalindyebo

“Enye into esifuna ukuyijonga kukubuyisela amashishini asakhasayo athe avalwa ukuba aphinde aqhubeke avulwe, lonto ke sizoyenza kancinci-kancinci kodwa sifuna ukuqinisekisa ngokhuseleko loluntu nabantwana besikolo kuqala” uvale ngelitshoyo uNkosazana Ntando Dalindyebo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
7.4 ° C
7.4 °
7.4 °
86 %
2kmh
0 %
Sat
19 °
Sun
27 °
Mon
18 °
Tue
20 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks