18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

OwaseTyhini okwazileyo ukuzimela, emva kokuba edlule ezintweni ezininzi.

UZintle Madikane uthi udlule ezintweni ezininzi ezibandakanya ukuhlukunyezwa ngokwe sondo, eneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala. Kusenziwa oku lilungu loSapho elalisondele kakhulu kuye, nelinye elaphantse lathatha ubomi bakhe ngonyaka ka 2014.

UZintle yinzalelwane yaseNgqushwa kwiLali yakwa Mankone kwaye wayesakuba ngu Msasazi nomfundi weeNdaba kwiSikhululo sasekuhlaleni iNgqushwa Fm, kodwa ngoku ungu mfundi weeNdaba kwiSikhululo sase Mdantsane Fm. Ngo nyaka ka 2020 lo waseTyhini uthi waye waxhatshazwa ngokweSondo ngumntu awayecinga ngu Mhlobo wakhe, nalapho uMtyholwa lo eye wabanjwa wagwetywa nge 12 ka April kulo nyaka.

UZintle uthi ubomi bakhe khange bubelula emva kokushiywa ngu Mama wakhe ngonyaka ka 2006. Uqhube ngelithi ukhule kutyetyiwe kokwabo kungekho nto ingekhoyo kodwa emva kokuba uTata wakhe waye watshata kwaye kwanzima ngeyona ndlela, wayekwazi ukulala engatyanga ephethwe njenge Khoboka endlini ka Mama wakhe de wayokuhlala kuMakazi wakhe eBhayi. Le Nzwakazi ithi izinto ezenzekileyo ebomini bayo ibingezo mpazamo zayo ngoko ke akazisoli nakanye izinto adlule kuzo, kungenjalo ziye zamqinisa waphakama wazivuthulula sekusithwa iKamva lakhe limfiliba.

“Izinto ezenzeke ebomini bam zindenze ukuba ndingamjongeli phantsi omnye umntu. Ngoba abantu bayayivala iNcwadi ngobomi bakho uThixo engekayivali. Ndihlukunyezwe ngabantu endandibathanda besondele kum, ndaphela ndingathembi namnye osondele kum kodwa ndingaba caphukeli.”

UZintle uthi izinto adlule kuzo zazimenza acinge ngokuthatha ubomi bakhe kuba wayesoloko ecinga ukuba abantu bamjonga njani, kodwa kwabuya iingcinga zokuba unomntwana osajonge kuye, akafuni umntwana wakhe akhule engena Mama ze agaxeleke kwizinto yena agaxeleke kuzo esemncinci. Uthi uZintle uzikhulisile emva kokuba waye wagaxeleka naseTywaleni, etshaya neCuba kodwa wakwazi ukuzikhethela indlela entsha yokuphila emsa endleleni eya empumelelweni. Uthi akukho nelungu loSapho elinokuthi belimnceda ekuphuhliseni ubomi bakhe.

UMadikane uye wahamba ululeko lwengqondo (Therapist) ukuze akwazi ukuqhubeka nobomi bakhe, nangona bekungekho lula kodwa ukwazile ukuqubisana nayo yonke imiceli mngeni adibene nayo ebomini kwaye le Nzwakazi ithi iziqhwabela izandla ngalonto.

“Abantu ngamanye amaxesha bakujonga ngendlela abaxelelwa ngayo ngawe, kodwa xa wena uzazi ukuba ungubani awubina xesha lalonto, ixesha onalo lelokulungisa ubomi bakho. Mna ndingu mntana onesibindi kakhulu, ndilwela ukufumana into endiyifunayo ngexesha endiyifuna ngalo. Andikhuphisani namntu ngobomi bam kwaye wonke umntu ndimnqwenelela okuhle ngoba ndiyazazi apho ndisuka khona.

UZintle uye waziqalela iShishini leziQholo ezinuka kamnandi, azibiza ngokuba yi Ise’s Fragrances, uzithiye ngegama leNtombi yakhe engu Isenathi iNkosi. UZintle uziphuhlisa ngokuba ngu MC, Guest Speaker kwakunye ne Motivational Speaker kwiindawo athi abizwe kuzo.
Waziwa njengo Zizikazi Madikane kumaKhasi ezonxibelelwano, uthi injongo zakhe kukukhuthaza abo sebesithi kuphelile ngobomi babo, ukuba bangalilahli ithemba ngoba kuyaqaleka. Abantu mabafune uncedo kuselithuba. Uthi kumaNina anabantwana abangama ntombazana, mabaqwalasele kwaye bamamele abantwana babo ngoba ukuhlukunyezwa kuqala emaKhayeni ngamanye amaxesha. Uqwele ngelithi

” USapho lwam landidanisa kakhulu ekukhuleni kwam kuba zange likwazi ukundikhusela besazi ukuba ndehlelwa zizinto ezibuhlungu bekhona. Ibuhlungu ke into yokubizwa ngomntana onga mameliyo ebantwini abanga yaziyo imeko ngenxa yokuba kuqunywa inyala ube ungumntana ongakwazi ukuzithethelela.”

Uthi uyixhasa kakhulu imisitho yamaNina engoku hlukunyezwa koo Mama nabantwana, exhasa nabenza amashishini ohlukileyo asekuhlaleni, kwaye ufunda izinto ezininzi kubantu abohlukeneyo. UZizikazi uthi akayiyo iMbokodo yona ibethwa ngamaqhwa nelanga, kodwa uliNenekazi elohlukileyo elinendlela yayo yokwenza izinto.

UZintle ucela nabani na onokumxhasa kwiShishini lakhe elisakhulayo elingu Ise’s Fragrances okanye onomdla kwezinye zezinto azenzayo ezifana nokuthetha ukufundisa nokuxhobisa abo baselula kuMatye akhubeke kuwo yena, anga qhagamshelana naye kwi Email yakhe engu zintlemadikane17@gmail.com okanye kwi nombolo yakhe engu 071 050 8976 okanye kwiKhasi lika Facebook ngu Zizikazi Madikane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks