Umhlalutyi ucebisa inkomfa yonyulo ye-MK Party.

Umhlalutyi wezoPolitiko uNtsikelelo Breakfast uthi umbutho woMkhonto weSizwe (MK) kufuneka ubambe inkomfa yonyulo ukunqanda ukuthathwa kwezigqibo kwelinye icala embuthweni.

Oku kulandela ukurhoxa kukaNobhala Jikelele weqela u-Arthur Zwane. UZwane, kwimbalelwano ayibhalele inkokeli yombutho nowayesakuba ngumongameli uJacob Zuma, ubalule ukurhoxa kwakhe ngenxa yomsebenzi wakhe ongqubana neshishini lakhe.

Le leta ifike kamsinya nje emva kokuba uZuma exelele uZwane ukuba urhoxiwe kwisikhundla sakhe kwangoko.

UBreakfast uthi, “Eyona nto yenzekayo kukungabikho kwedemokhrasi. Ukuba umntu omnye wenza isigqibo kwaye abanye abakwinqanaba lesihlanu baphendule ngokuthi ukhonza inkosi, ayiyodemokhrasi leyo. Nokuba ufuna ukuxoxa uthi hayi kukho idemokhrasi esembindini.”

Wongezelela ngelithi, ukuba kwidemokhrasi akuthethi ukuba umntu omnye wenza izigqibo. Ukuba kwidemokhrasi kuthetha ukuba abantu bayaxoxa, yiyo loo nto kukho into yedemokhrasi, bayaxoxa abantu kwaye emva koko bakhuphe intetho eyazisa ngeziqgibo.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.3 ° C
24.3 °
24.3 °
33 %
3.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA