Amakhulu-khulu abantwana besikolo eMpuma Koloni kunyanzeleke ukuba bafumane unyango kwezi veki zimbini zidlulileyo ngenxa yezifo ezibangelwa kukutya.
Kwisehlo sakutsha nje, esenzeke ngoLwesithathu kwisikolo samabanga aphakamileyo iNdamase kwisithili saseOR Tambo, abafundi abakumakhulu amabini anamashumi amathandathu ananye abahlala kwihostele yesi sikolo babalekiselwe kwikliniki yaseBuntingville emva kokukhala ngesisu kwanokuphelelwa ngamandla.
Isithethi sesebe lezempilo ephondweni uMkhululi Ndamase uthi abafundi baye banyangwa kwaza kwathathwa iisampulu ehostele yesikolo ukuze zivavanywe.
“Siyababongoza abo baphethe ukutya ukuba basebenze ngobunono ukuqinisekisa ukuba iingozi ezilolu hlobo ziyathintelwa,” utshilo.
Kwesinye isiganeko ebutsheni bale nyanga, abafundi abangama-324 besikolo samabanga aphakamileyo KwaBhaca, babalekiselwe kumaziko ezempilo emva kokuba beqale ukugabha bekhala ngorhudo oluthe gqolo.
Abo bafundi bebefunyenwe sisisu kunye nokugabha baye banyangwa kwikliniki yaseTshungwana logama abathathu balaliswe esibhedlele.
“Umthombo wesi sigulo usaphandwa kwaye umasipala wesithili saseAlfred Nzo uthathe iisampulu ukuze zivavanywe,” uthethe watsho uNdamase.
Uthe bangaphaya kwamakhulu amathathu abafundi abathe banyangwa kule kliniki logama abanye abangamashumi amahlanu anesithoba bathe basiwa esibhedlele ukuze baqhubeke nonyango.
Amashumi amahlanu anesihlanu kubo baye banyangwa baze baphuma ngelixa abane bashiyeke esibhedlele ukuze bafumane unyango olongezelelweyo kunye nokuqwalaselwa.
Umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth ubancomile abasebenzi bezempilo abazinikeleyo nabasebenza nzima, abathe gqolo ukwenza konke okusemandleni abo ukuqinisekisa ukuba abantu bayasindiswa.