Ngamaxhoba alishumi elinesithathu, ingabasetyhini abalishumi elinesibini kunye nendoda enye abafunyenwe kwindlu ethile, abane komnye umzi abafunyenwe bebhubhile emva kokudutyulwa bebulawa belungiselela umcimbi.
Ixhoba leshumi elinesibhozo likwimeko emaxongo esibhedlele emva kokuba liye lasinda kwizembe lokufa.
Lamaxhoba adudulwe kubusuku bayizolo ulwesihlanu umhla(27 September 2024) kulungiselela isiko lakwantu, umembulo okanye izila, ebelihlelelwe ukwenziwa ngoMgqibelo kwilali yaseMaNtlaneni, eLusikisiki.
Kuvakala ukuba abadubuli ababuzanga, bengajonganga ukuba badubula bani koko, bathulula iimbumbulu nje, ntoleyo echaphazele nabaselula kanye ngethuba bekulungiselelwa umcimbi kuhlanganiswa iimpahla kunye nezipho zomcimbi xa kwakusenzeka udubulo.
Itshantliziyo lobundlobongela obuphathelele kwisini eLusikisiki uKhwalo Matandabuzo usiqinisekisile esi sehlo.
“Andizange ndive ngabantu abaninzi kangaka abadutyulwe baza babulawa ngexesha elinye, abantu abayi17 badutyulwe bafa ngolo hlobo kwisiganeko esinye! Ibuhlungu le nto!”
Ukanti usodolophu we-Ingquza Hill uNonkosi Pepping uchaze udubulo lwabantu abaninzi njengolumasikizi kwaye ethukile kuba uthi udushe olunje eLusiki-siki beseluhlile.
Umphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu, isekela lakhe uCassel Mathale kunye nomkomishinala wamapolisa kuzwelonke uFannie Masemola bazakubamba intlanganiso noonondaba malunga nokudubula kwabantu abaninzi ngenjikalanga yangoMgqibelo. Ugqogqo luyaqhubeka ukuze kubanjwe abo babulala abantu, ngokokutsho kwesithethi samapolisa kuzwelonke uBrigadier Athlenda Mathe.