Amapolisa athi abantu abathandathu bafunyenwe bebhubhile kwi-Mazda 3, kwaye elona xhoba lincinci yinkwenkwe eneminyaka esibhozo (8) ubudala. Abane kwababhubhileyo ngabosapho olunye. LonaI ixhoba lesixhenxe lifunyenwe libhubhile kude kufuphi nendawo yexhwayelo kwimoto yohlobo lweToyota Fortuner.
Amaxhoba achazwe njengoNkqubela September (43), Xolani Klawushe (23), Luyolo September (25), Iviwe September (12), Busisiwe Septembe (35), Lubabalo Khumalo Mazwana kunye noBongani Maleki baseDutywa.
Ngokwengxelo yephepha-ndaba lejelo i-Independent Online, isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthe abantu abane kwababhubhileyo kwihlobo lwemoto iMazda-3, bazi zizalwana kwaye basuka eMthatha, lo gama abanye abantu babini bezizihlobo kwaye bephuma eDutywa. Uthe okwangoku isizathu sokudutyulwa kwamaxhoba asaziwa kwaye amapolisa asaphanda.
UMkomishinala wamapolisa eMpuma Koloni uLiutenant General Nomthetheleli Mene ubongoza nabani na onolwazi malunga nezi zigebenga ukuba eze ngaphambili azokuncedisa kuphando.
“Iqela labacuphi abanamava liza kusebenza ngokuzimisela ukutyhila ubunyani obubangela oku kubulalana kungekho ngqiqweni. Sizibophelele ekuboneleleni ngezibonelelo eziyimfuneko kunye nenkxaso ukuqinisekisa ngophando olucokisekileyo nolukhawulezayo. Olu hlobo lobundlobongela alunandawo kuluntu lwethu, kwaye kunyanzelekile ukuba simanyane ukulwa ulwaphulo-mthetho olumanyumnyezi olunje.”