18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Babhenele kumbutho WeEFF abahlali base Hlosini neziphaluka ngenxa yooNqevu

Abahlali bakwilali yaseHlosini cebukuhle eNgqushwa badikwe yeyokosa zizikrelemnqa eziyinzalelwano yakuledolophu..

NgoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesibini (22) kuCanzibe, abahlali balendawo bakhwebe iqela lezopolitiko iEFF ukuzoncedisa kummba abawudalule njengento abayibiza ngokuba banyhantswa ngabakwasidlodlo.

Amabharethi abomvu asabele kwikhwelo apho abantu belali ezintlanu eNgqushwa eziquka eHlosini, Crossmani, eMqwashini eBhongweni B neyayifudula isaziwa ngelakwa-Nti nase Bhongweni A, apho abahlali bedikwe yeyokosa nalapho bade bathathela umthetho ezandleni zawo.

Iingxelo zidiza ukuba ukususela ngomhla wamashumi amabini anethoba (29) kweyeThupha nyakenye abahlali ezilali baqala ukuqhekezelwa ezindlini zabo bathathelwe izinto zexabiso, bebelwe nemfuyo yabo.

Okhokhele abahlali uKhuthele kunjuzwa udize ukuba, inkonzo yesipolisa eNgqushwa ayibaniki mkhomba-ndlela.. Ngalomhla udiziweyo abahlali bezilali bawungelene kwiholo yoluntu kwilali yaseHlosini nalapho bebebhentsisa iintsizi zabo… Kwingxelo yoluntu kweliholo kuvele ukuba abahlali abane phakathi kwezilali ezintlanu baye baphoswa ngaphaya kwezitshixo ngabakwasidlodlo emva kokuba abarhanelwa befake isimangalo sabo sokubethwa ngabahlali.

Iingxelo zidiza ukuba abarhanelwa balivumile ityala ze bakhomba abo banamagunya kubo nabathe bafumaneka kwezilali zontlnu kuquka nelali yaseRura kule dolophu yaseNgqushwa. Kwingxelo yabahlali kwiholo yaseHlosini kufumaniseke ukuba, ungqondo-ngqondo osemva kobusela bezilali ezintlanu, wayefudula esebenzela inkonzo yesipolisa.

Abahlali abangonelisekannga bezilali zaseNgqushwa bandwendwele inkonzo yesipolisa eNgqushwa ukuyovula ityala apho bebefuna izinto zabo ezibiweyo neziseligcenweni lamapolisa. Kanye ngeloxesha, kufumaniseke ukuba isikhululo samapolisa eNgqushwa siye sagqekezwa ngonqevu ze bathatha zonke izinto zabahlali.

Okungaqinisi mnqwazi kubahlali kukuba, kwizinto abazifumene koonqevu sisikhuseli seembumbumbulu (bullet proof) senkonzo yesipolisa.

Ukanti ingxuba kaxaka kulenyewe yeyokuba, abarhanelwa bafunyenwe nezinto ezibiweyo batanasa ngaphandle logama abantu ababanga ngelokuba babelwe bequqa kwiinkundla zamatyala ngezityholo zokuthathela umthetho ezandleni.

Kwilinge lokuzama ukungenelela iqela lezopolitiko iEFF, usosiba ephondweni uSimthembile Madikizela uthe uzomisa ngamaqula amathathu kubahlali esithi ukuqalela ngalomhla, umbutho we EFF ungumhlobo nabantu bezilali zintlanu, Hayi ngenxa yolonyulo oluzayo kuleveki ezayo, kodwa ukuya phambili ebomini, esithi ke lombutho uzohlala ukhona ukunceda uluntu. UMadikizela uthe bengumbutho we EFF bazimisele ukongeza iqela labo elizakuncedisa ukuxhasa abo babekwa ityala lokuthathela umthetho ezandleni zabo ngoba bamoshwe kuqala. Kwintetho yakhe uMadikizela uthi bengulombutho weEFF bazokuqinisekisa ukuba lenyewe iyaziwa kwiphondo lonke nakwilizwe jikelele. Esithi ke ukuba zonke ezinkalo azisebenzi kuzonyanzeleka ukuba lombutho uyingene ngendlovu yengwe lenyewe nto leyo ezodala ukuba lonto yenzelwe ekhusini. Ekwakhuthaza ukuba ingase lengxubakaxaka ilungiswe kwakamsinyane ngaphandle kwezigalo.

UMadikizela uqinisekise abahlali bezilali ukuba, ukubanceda kwabo akunanto yakwenza nolonyulo oluzayo lomhla wamashumi amabini anethoba (29) kuCanzibe. Esithi bengulombutho bakha ubuhlobo kunye nezilali kuphela

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks