Abafundi nabahlali baseQoqodala kuMasipala waseMalahleni bebevuya bephethwe yimincili ngethuba uMphathiswa weSebe lezemfundo uFundile Gade kunye noMphathiswa wesebe lezemisebenzi yoluntu uNtombovuyo Nkopane bevula isikolo samabanga aphantsi iMasizakhe.
Inkxaso mali encedise ekwakhiwenio kwesi sikolo ngamashumi amathandathu ezigidi zeerandi (R60 Million), kwaye le mali incede koku kulandelayo:
Amagumbi okufundela asixhenxe (7).
°Iklasi yebanga uGrade R enye (1).
°Iziko lenjongo ezinininzi (1).
°ILebhu yesayensi (1).
°Ilayibri (1).
°IiOfisi (6).
°Igumbi lokuhlala labasebenzi (1).
°Igumbi loncedo lokuqala (1).
°Igumbi lokugcina izinto zesikolo (6).
°Izindlu zangasese zelixesha (22).
°Ucingo lwesikolo nazo zonke ezinye izinto ezigcina ukhuseleko lwesikolo luqilima.
UMphathiswa kwintetho yakhe ugxininise ukubaluleka kokugcinwa kwezikolo zikhuselekile watsho ekhuthaza abahlali ukuba mabathi gqolo ukusindwendwela isikolo nokuqinisekisa ukuba ucwangco lugciniwe kwaye izifundo eklasini ziyaqhuba maxa onke.
By Anita Qubula.

