17.8 C
King William's Town
Wednesday, December 4, 2024

AMAPOLISA ABAMBE ABARHANELWA ZE BAFUMANA IMIPU EMVA KODUBULWANO KU-N2.

I-SAPS eKabega Park ibambe abarhanelwa ababini, yohlutha imipu emibini eneembumbulu ze yafumana iFord Ranger LDV ebiweyo kulandela isiganeko sokudubulana ngendlela ekhohlakeleyo ku-N2 ekhokelele ku-N2.

Esi sidubedube senzeke malunga nentsimbi yesine (16:00) ngoLwesine, 01/08, ngethuba iVW Polo esilivere ekhwele abantu abane ihamba kuN2 isingise eGqeberha. Umqhubi wale VW uye waqaphela iFord Ranger emhlophe kunye nenye iVW Polo eluhlaza emva kwakhe. Uthe xa umqhubi we-VW Polo esilver etshintsha iindlela ukuze iFord Ranger imdlule, abakhweli ababini kwicala lasekhohlo leFord Ranger bavulela ngembumbulu kwi-VW Polo esilivere.

Ngelizama ukubaleka abahlaseli, iVW Polo yangqubeka kwiFord Ranger. Umqhubi weFord Ranger woyiswa kukuyilawula wangqubeka kwintsika ephantsi kwebhulorho. Uqhubekile nokuqhuba umqhubi we-iVW Polo esiliva, uthe akuphawula ukuba iVW Polo eluhlaza ebihamba emva kweFord Ranger nayo ifikile ecaleni kwakhe, bamdubula. Umqhubi we-VW Polo esilivere uqhubele eLivingstone ngoko nangoko, ababini kwabakhweli abane bafumana amanxeba eembumbulu ngelixa i-VW Polo eluhlaza iqhubeleka ku-N2.

Uphando lokuqala luveze ukuba umkhweli omnye weFord Ranger ubalekile kwindawo yexhwayelo. Umqhubi wasweleka kwaye abanye abakhweli ababini kwiFord Ranger bafumana umonzakalo ngenxa yale ngozi. Imipu emibini enembumbulu iye yathathwa kwindawo yexhwayelo kwaye kwaqinisekiswa ukuba iFord Ranger ibibiwe kwisitalato saseNewton, eNewton Park phakathi koLwesibini weshumi elinesithandathu (16/07) ebusuku nangoLwesithathu umhla welishumi (17/07) kusasa.

Abakhweli ababini (bobabini abaneminyaka engamashumi amathathu (30) ubudala) abonzakeleyo baye babanjwa basiwa esibhedlele ukuze bafumane unyango kwaye kungoku nje baphantsi kweliso lamapolisa.

I-VW polo esiliva iye yabanjwa ukuze kuphandwe ngayo.

ISizathu sokudutyulwa siphantsi kophando kwaye abarhanelwa ababini ababanjiweyo bajongene nezityholo zokuzama ukubulala x4, ukufunyanwa nemoto ekurhaneleka ukuba ibiwe, ukuba nemipu engekho mthethweni kunye neembumbulu.

Ityala lokubulala ngokungena njongo nalo lisaphandwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
75 %
0.7kmh
65 %
Wed
24 °
Thu
21 °
Fri
29 °
Sat
23 °
Sun
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks