Sizoqinisekisa ukuba iinjongo zabantu beliphondo ziyafezekiseka.
INkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, wenze intetho yakhe yoVulo lweNdlu yoWiso-Mthetho izolo umhla wokuqala (01) kweyeThupa 2024.
Kwintetho yakhe uOscar uqale wabalula izinto eziphucula intlalo yabantu beliphondo ezenziwe phantsi kolawulo lwakhe, nendlela umgangatho uxhome ngayo emveni kwempucuko eyenzwe kweliphondo.
UMabuyane kwintetho yakhe uthe izidubedube kwimo yezopolitiko, ukucinywa kombane, kunye ne-COVID-19 zonke zibe yimiqobo enzima yezoqoqosho eMpuma Koloni, ezikhokele kuhlumo olulambathayo kwicandelo lolwakhiwo, elemveliso kunye nelezemigodi. Ukusabela, kwiinzame zokutsala utyalomali, siye savelise i-R200 yeebhiliyoni kunye nangaphezulu kwewaka (1000) lengqesho kwicandelo lezamandla kwiphondo, ikakhulu eMonti.
“Ngokusebenzisa uncedo lwemali kunye nemithetho yokuthengwa kwempahla karhulumente, urhulumente uxhasa amaShishini amaNcinci, naPhakathi, (ii-SMME) ukuze kudalwe imisebenzi, ingakumbi ukunceda amafama asekuhlaleni. Ukuqinisekisa uqoqosho olubandakanyayo, iNgxowa-mali yabaKhubazekileyo yaseMpuma Koloni nayo iyasekwa ukuxhasa ii-SMMEs eziphethwe ngabantu abakhubazekileyo.”
Le Nkulumbuso ikwathe enye into ephambili ngoku kukudala uqoqosho olubandakanyayo olusebenzisa imveliso, ezolimo, abakhenkethi, uqoqosho lwaselwandle, kunye noqoqosho lwe-intanethi ukunceda abasetyhini, ulutsha, kunye nabantu abakhubazekileyo. Ukwenza umanyano lobuchule namanye amaphondo kubalulekile. Utyalo-mali olukhulu lweStellantis kunye neVW Africa Group kushishino lweemoto luya kuvelisa imisebenzi.
Ukufakela izikhululo zokutshaja iimoto zombane kunye nokwanda kwemfuno yeemoto zasekhaya yimizekelo emibini yezenzo. Amafama amnyama kufuneka aphuhliswe ngaphezu kwamanqanaba okuziphilisa ngesiCwangciso esiPhambili sezoLimo nokusetyenzwa kweemveliso zezolimo, ngenjongo yokuvelisa ukutya okulungiselelwe iimarike zangaphakathi nezangaphandle.
“Ukujongana neendleko eziphezulu zokuphila ngokugcina iinkqubo zenkxaso yezentlalo nezoqoqosho yinto yethu yesithathu ephambili. Siqinisekisa izibonelelo zentlalo kubantu abasesichengeni, abafana nabantu abadala, abantwana, kunye nabantu abakhubazekileyo.”
IiR2.9 yeebhiliyoni zeerandi rhoqo ngenyanga inikwa abaxhamli abayi-2.9 yezigidi eMpuma Koloni. Injongo yethu kukugcina imali kweli phondo ngokuphuhlisa amashishini asekuhlaleni azakuthi anyuse ingqesho noqoqosho. Uye wathi ukongeza, bazakunikezela ngeenkonzo ezihamba-hambayo zeMicimbi yezeKhaya ukunceda abantu ukuba bafumane amaxwebhu afunekayo kwizibonelelo zezentlalo kunye nokunceda ababefudula bengabasebenzi-mgodini ukuba bafumane izibonelelo zezentlalo ezingahlawulwayo.