By Siyakholwa Vuso
Amapolisa azingela abarhanelwa abathathu ababandakanyeka ekubulaweni kosopolitiki owaziwayo kwikhaya lakhe KwaBhaca ngokuhlwa kwangoMvulo (19/08/2024).
Kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanywe ngasentla malunga nentsimbi ye-19:30, amadoda amabini aye xhobe ngemipu agaleleka kumzi wosopolitiki wasekuhlaleni kwindawo yaseSidikidikini, eLubacweni A/A (KwaBhaca). Kukwatyholwa ukuba aba amaxhoba amathathu ayekhonjwe ngemipu, kwaye bebotshelelwe ngeentambo. Amaxhoba aphinde ahluthwa iiselula zawo. Emva kwemizuzwana, abarhanelwa babini badibana nomrhanelwa wesithathu oxhobileyo.
Kuthiwa ethubeni kwafika umninimzi (uMncedisi Gijana,58) owayengekho ngela xesha ekhaya. Esi sithathu samngcungcuthekisa baphuma phandle.
Akwaziwa ukuba kwenzeke ntoni ngaphandle kwendlu, kodwa kwavakala izithonga zompu. Emva kwexesha, la maxhoba mathathu akwazi ukuzikhulula, aza afumana isidumbu sikaGijana kwenye yeeflethi ezingaphandle. Abarhanelwa bathatha nezinto ezimbalwa ezifana namakhadi ebhanki, izitshixo zendlu kunye nemoto yosapho, ezafunyanwa zishiywe kumgama oziikhilomitha ezimbalwa.
Abarhanelwa basagcwele amathafa.
UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene usigxekile esi sehlo, waze emva koko wamisela igqiza lephondo ukuba lilandele umkhondo, libabambe abarhanelwa.
“Ezi ziganeko zimasikizi ziyacekisa, kwaye zijongela phantsi iinzame zethu zokuphelisa ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela ephondweni. Kwesi siganeko, sibeke iqela labaphandi abanamava, abangayi kuphumla de abenzi bobubi bagcinwe ngaphaya kwezitshixo”, wongeze watsho uLt Gen Mene.
Sithetha nje kuvulwe ityala lokubulala nelokuphanga indlu ukuze kuqhutyekwe nophando. Amapolisa abongoza nabani na onokuba nolwazi olunokuthi luncede kuphando lwakhe ukuba atsalele igqiza eliphandayo ku-071 475 2292. Olu lwazi lungathunyelwa nakwinombolo yeCrime Stop 08600 10111.