By Siyakholwa Vuso
Enye ingongoma ebekuxoxwa ngayo kule ngxoxo ibandakanya owayesakungenela unobuhle bukaMiss SA 2024, uChidimma Vanessa Adetshina.
NgoMvulo we-05 Agasti 2024, abaququzeleli bakaMiss South Africa bathumela iSebe leMicimbi yezeKhaya isicelo sokuba liqinisekise ubumi bukaChidimma Adetshina.
Ekufumaneni isicelo iSebe liye lazama ukufumana iirekhodi zikaAdetshina kunye noMama wakhe. Iqela labaphandi kunye namagosa eeNkonzo zoLuntu lasekwa ukuze liphande ukubhaliswa kokuzalwa kukamama kunye nentombi yakhe. Uphando lokuqala lufumanise ukuba kukho izinto ezibonisa ubuqhophololo obenziwa ngumama kaChidimma Adetshina.
ISebe lawandisa umda walo wophando.
Kukho izizathu ezibambekayo zokukholelwa ukuba ubuqhophololo kunye nokubiwa kwezazisi kwakunokwenziwa ngumntu obhalwe kwiirekhodi zeSebe lezeKhaya njengomama kaChidimma Adetshina.
ISebe ke liye lachonga amagosa aye abhalisa ukuzalwa kwi-Ofisi yezeKhaya e-JHB. Omnye wamagosa se walandulela eli.
ISebe likwaphanda amanye amagosa amabini ekusenokwenzeka ukuba aye abandakanyeka kwisityholo sobuqhophololo. ISebe lithembele kwiirekhodi zalo ekufumaniseni ukuba owasetyhini waseMzantsi Afrika ekusenokwenzeka ukuba ubume bakhe babiwa wabhaliswa ngumama wakhe ngo-1982, kwaye ngenxa yoko wangena kwiRejista yeSizwe yaBemi. Ukuzalwa kwakhe kwabhaliswa eTshwane, kwaye wafaka isicelo sesazisi sakhe ngo-1995.
Emva kweenyanga ezintathu efake isicelo sesazisi, wabuyela kwaHome Affairs eyokuthatha isazisi sakhe kulapho weva khona ukuba isazisi sakhe sakhutshwa eRhawutini kwiofisi awayengasifakanga kuyo.
Emva kweminyaka emithandathu (06) ukusuka ku-1995, oko kukuthi ngo-2001, lo wasetyhini wazala umntwana. Uthe xa esiya kubhalisa umntwana wakhe kwaHome Affairs, wafumanisa ukuba kukho umntwana obhaliswe phantsi kwenombolo yakhe yesazisi. Igama lo mntwana owabhaliswa phantsi kwenombolo yesazisi sakhe nguNkosazana Chidimma Vanessa Onwe Adetshina.
Emva koko wachitha iinyanga ngaphambi kokuba anikwe inombolo yesazisi entsha.
ISebe lezeKhaya liye landwendwela idilesi edweliswe kumama kaNkosazana Adetshina kunye neyowasetyhini owabelwai isazisi.
Lonke ulwazi olwabiwe lusapho lwenenekazi elabelwa isazisi luyahambelana neenkcukacha eziqulathwe kwiirekhodi zeSebe lezeKhaya.
Umama kaNkskz Adetshina wanikwa ileta yoMthetho wokuKhuthazwa koLawulo lobuLungisa ngomhla we-07 ka-Agasti 2024. Impendulo yakhe kule leta iya kugqiba ngenyathelo lokugqibela eliya kuthatyathwa liSebe ngokunxulumene nesazisi esisiphetheyo ngoku.
Uphando oluqhubayo lweSebe lukwajonge neminye imiba ebalulekileyo ukuze kuqukunjelwe ngokufanelekileyo nangokuchanekileyo eli tyala.
Olu phando ngoku lubandakanya iCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili. ISebe likwafumana iingcebiso zomthetho malunga neziphumo zesityholo sobuqhetseba kwisimo sobumi buka-Adetshina.