18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

Sizovulwa ngokusesikweni ngomso isikolo saseMthatha ebesivalwe ngenxa yoonqevu abafuna imali yentlawulo

Ikumkani esizwe sabathembu uBuyelekhaya Dalindyebo ngoLwesibini umhla wamashumi amabini (20) KweyeKhala, ufuthelane gumbini linye nabo bonke abachaphazelekayo abangabahlali kwimimandla yaseNtshona kwidolophu yaseMthatha, ukuzokuchubisana kwisikhwebu esinye ngenxa yombhodamo ogqugqisayo wemali yentlawulo yokhuseleko.

Ukanti iingxelo zidiza ukuba iholo yaseLaphumikhwezi ibizele imi ngeembambo ngabahlali abaphila ubomi bentshontsho, isebe lezemfundo kunye nabasemagunyeni kwinkonzo yesipolisa.

Ethetha kulendibano ukumkani uBuyelekhaya Dalindyebo uqinisekise uluntu ukuba, esebenzisana nabakwasidlodlo bazawusiphula neengcambu umkhwa wentlawulo yokhuseleko kulommandla kwaye eyonanto iphambili yeyokuba, bazakuqinisekisa ngokhuseleko lwabo baze ngaphambili neenkcukacha ezithe veshe.

Othethela indlu yobukumkani uNkosazana Ntando Dalindyebo uthi, bachulumancile yindlela uluntu elithe laphuma ngayo kwaye okuluvuyo ngokwenene kokokuba, abantu bakwazile ukukhupha iimbilini zabo mayelana nobubuhelegu bugqugqisa kulommandla.

UNkosazana Dalindyebo uqinisekise abe EC Indaba ukuba ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala isikolo iLaphum’iKhwezi ebesele simise ngxi iintshukumo zokufunda nokufundisa sizakuvulwa kwakhona yaye lonto izokwenzeka ngokoncedo lweKumkani kunye nabakwantsasana.

“Emva kwalendibano sinethemba lokuba abantu bazokhululeka ukuzisa iingcombolo zezizi gila-mkhuba kwaye asifuni ukuba babanjwe nje kuphela, koko sifuna bagwetywe. Ngoba kudala bebanjwa baphinde baphume” utshilo uNkosazana Dalindyebo.

Ulebele ngelokuba banethemba lokuba indlu yobuKumkani, abogcino-mthetho kunye nabahlali bazakusebenzisana ngokuyimpumelelo ukuwugqiba nyaa umkhwa wentlawulo yokhuseleko eMthatha

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks