Icandelo leProvincial Serious and Violent Crimes liphanda amatyala amane okubulala nokuzama ukubulala kulandela isiganeko sokudubula esenzeke kwisitalato iKhalendula, NU 11, eMotherwell ngoLwesibini, umhla wamaShumi amabini ananye (21) kweyoMqungu malunga necala emva kwentsimbi yesithandathu (18h30).
Ulwazi ludiza ukuba amadoda amathathu (3) angaziwayo angene kumzi othile eMotherwell adubula abo bebekuyo. Ngexesha lokudutyulwa, amadoda amathathu (3) aphakathi kweminyaka engamaShumi amabini (20) namashumi amabini anesihlanu (25) ubudala, kunye nowasetyhini oneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ubudala badutyulwe babulawa, ngelixa indoda eneminyaka engamaShumi amabini anesine (24) ubudala yenzakele yasiwa esibhedlele ukuze ifumane unyango.
Injongo zesisehlo azikaziwa kwaye ziyinxalenye yophando. Amatyala amane okubulala nelokuzama ukubulala aphandwa liCandelo loPhando olunobuntu noBundlobongela (SVCI) lweSAPS.
I-SAPS icela nabani na onolwazi olunokunceda amapolisa kolu phando ukuba aqhagamshelane neGosa loPhando uMcuphi uSajini uNigel Wright ku-082 921 2312 okanye ngenye indlela iCrime Stop ku-08600 10111

