UGqirha oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ubudala ubanjiwe kulandela izityholo zobuqhophololo kunye nokwaphula umthetho wolawulo lwerhafu.
ISithethi seCandelo loPhando oluPhakamileyo (DPCI) ephondweni elidume njengeeHawks, uLieutenant Colonel Avele Fumba uthe ukubanjwa kwakhe kuza emva kweenzame zentsebenziswano phakathi kweGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) kunye neNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS), phantsi kwe-Projekthi yeHoney Badger.
UFumba uthi ugqirha ubanjwe ngoLwesibini.
“Uphando lokuqala lubonisa ukuba uSARS ufumanise ukuba kukho ukungangqinelani kwerhafu ngexesha lovavanyo, nto leyo ebangela ukuba kurhanelwe ukuba kunokwenzeka ukubaleka irhafu.
“Lo mba udluliselwe kooKhetshe ukuze kwenziwe uphando oluthe kratya, iziphumo zibonisa ukuba umtyholwa wasilela ukungenisa amaxwebhu erhafu yengeniso yakhe kunyaka werhafu ka-2021 ukuya ku-2023 kwaye akaphindanga wahoya izikhumbuzi zokuthobela kwaSARS,” utshilo uFumba.
UFumba uthe ugqirha kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseMthatha ngomhla wesithandathu (06) kweyoMdumba ngo-2025.
Kunyaka ophelileyo, iphephandaba i-IOL yabika ukuba ugqirha wafunyanwa enetyala lokuqhatha i-SARS i-R17 yezigidi (R17m) zeerandi ngokungawafaki amaxwebhu akhe erhafu.
UFabian Royston Tun ugwetywe kwiNkundla yamaTyala okuRhweba aKhethekileyo eKimberley eMntla Kapa emva kokuba efunyenwe enamatyala asibhozo okusilela ukungenisa i-Iimbuyekezo zeRhafu yeNgeniso yoMntu (Persoanl Income Tax) kunye nangamashumi amabini anesibini (42) okusilela ukungenisa i-Iimbuyekezo zeRhafu eyoNgezelelweyo (Value Added Tax 201) .
Inkundla yeva ukuba uTun unonyango olubizwa ngokuba yiF. R. Tun Practice kwaye wasilela ukungenisa iimbuyekezo zerhafu yengeniso yobuqu ukusuka ku-2015 ukuya ku-2022, nangona efumene umvuzo ongaphezulu kwe-R17 yezigidi.
“Nangona umtyholwa engakhange azingenise iingxelo zakhe zerhafu ngexesha elixeliweyo, umtyholwa wafumana umvuzo orhafiswayo, kwaye loo ngeniso irhafiswayo ayizange ibhengezwe kuMkomishinala weNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika,” sicacise satsho isithethi seNPA uMojalefa Senokoatsane.
Ngokusilela ukungenisa iimbuyekezo zeRhafu yeNgeniso yoMntu, wagwetywa iminyaka emibini, wanqunyanyiswa ngokupheleleyo iminyaka emihlanu phantsi komqathango wokuba akafunyaniswa enetyala elifanayo ngexesha lokunqunyanyiswa.
“Ngokusilela ukungenisa i-Iimbuyekezo zeRhafu eyoNgezelelweyo, umtyholwa ugwetywe ifayini yewaka leerandi (R1,000) okanye iinyanga ezine entolongweni ngetyala ngalinye.”
I-NPA yathi u-Tun ukususela ngoko ungenise zonke iiMbuyiselo zeRhafu yeNgeniso yakhe ebalaseleyo kunye neembuyekezo zeRhafu yeXabiso-eyongeziweyo.

