Amapolisa akhangela abarhanelwa ababini malunga nokubulala isibini.

Ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMqungu 2025, amalungu e-SAPS aqalise ukukhangela abarhanelwa abadubule babulala abafana ababini ngobusuku bangoLwesibini umhla wamashumi amabini ananye (21) kweyoMqungu 2025 kwindawo yoLawulo yaseSentubi malunga nentsimbi yeshumi (22:00) ngokuhlwa.

Ngokwengxelo amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo, ze ekufikeni kwawo, afumana izidumbu ezibini zabafana abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini ananye (21) ukuya kumashumi amabini anesithathu (23) ubudala benamanxeba eembumbulu emizimbeni yabo.

Amatyala amabini okubulala avuliwe, kwaye isizathu sokubulala siyinxalenye yophando.

Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ngolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabenzi bobubi ukuba atsalele umnxeba wesiKhululo uKapteni Mboniswa Qunta ku-071 3545866 okanye inombolo ye-CrimeStop 08600 10111.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA