Kubanjwe abarhanelwa abathathu benemfuyo ebiweyo, e-Aliwal North.

Ngethuba leeyure zangoLwesine umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMqungu 2025, amalungu eYunithi yokuBiwa-kweMfuyo e-Aliwal North abambe abarhanelwa abathathu abaneminyaka engamashumi amathathu ananye (31), amashumi amathathu anesixhenxe (37) kunye nonamashumi amane anesihlanu (45) ubudala ngezityholo zobusela bemfuyo.

Amalungu aphantsi kweYunithi yokuBiwa-kweMfuyo e-Aliwal alandele iinkcukacha ezithe zabakhokelela kwifama yaseMooivlei eLady Grey, apho abarhanelwa abathathu babhaqwe khona besiba iiGusha. Abarhanelwa babanjwe ngoko nagoko. Igusha enye yafunyanwa ebudeni benkqubo.

Abarhanelwa bathathu bazakuvela phambi kweLady Grey kungekudala.

UMkomishinala weSithili uMajor General Lindelwa Vellem uncome iqela ngempendulo ekhawulezileyo, ethintele ukwenziwa kolwaphulo-mthetho kwaye yasindisa umlimi kwilahleko enkulu yemfuyo.

Amapolisa azakuqhuba namaphulo anje ukunqanda ukubiwa kwemfuyo, kwaye oku kuthumela umyalezo oqatha kubarhanelwa wokuba sizakubamba abarhanelwa abajongene nezenzo zolwaphulo-mthetho, uqukumbele watsho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA