UMphathiswa wezemfundo eMpuma Kapa, uFundile Gade ebeyokuvula isikolo samabanga aphezulu, kwilali yakwa-Qumbu.

By Ongeziwe Ntondini.

ISebe lezeMfundo linikeze abafundi amathuba wokuba bakwazi ukuzimela babuye babene zakhono ezizakuphucula iipmilo nobomi babo. URhulumente wePhondo laseMpuma Kapa uyaqhubeka nomsebenzi wokuphucula izikolo zaku masipala wase-OR Tambo njenge sikolo sakuQumbu Village Secondary School, eQumbu.

UMpathiswa wezemfundo wamnkelwe ngamahashi aseMampondomiseni, nezithuthuthu, imixhentso kanye nekwayara yesikolo.

Bekuluvuyo kumphathiswa ngokuba abeyinxalenye yokuvulwa kwesi sikolo esibalwa kwizikolo ezihamba phambili kumasipala waseKing Mhlontlo.

IQumbu Village Secondary School ibifumene u-74.9% kwiziphumo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo.

“Zonke izikolo kufuneka zingene iiKlass zasekuseni nezamalanga zonke kweli phondo ukuze kubeneziphumo ezintle ekupheleni konyaka” utshilo uGade.

Ubuye waqinisekisa ukuba kunabantwana abathathwe emakhayeni angathathintweni, bafakwa ezikolweni ukufundela izakhono, imali elinganiselwe uR1,4 yesigidi ibhatalelwe umntwana ngamnye kwabalishumi.

IQununu yesikolo uZ. Willem ubonge kakhulu kubantu abancedisileyo ekubeni eli theko lokuvulwa liphumelele, kuquka umnyango wezeMfundo, uMphathiswa, ooTitshala kanye nabahlali bakuQumbu.

UMpathiswa ukhe wanikezela ngezihlangu ezingamakhulu amabini (200) kubantwana abalikhulu (100). abazidingayo kwesi sikolo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA