17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Amapolisa akhuphe umzobo wendoda erhanelwa ngokudlwengula eGqeberha

Isebe elijongene nobuNdlobongela kusapho, ukukhuselwa kwabantwana kunye namatyala ezesondo eGqeberha licela uncedo kuluntu ekukhangeleni umrhanelwa obefunwa kwisityholo sodlwengulo esenzeke ngentseni ngeCawe, 7/05 eChatty. .

Kutyholwa ukuba ngoMgqibelo we-6/05 malunga nentsimbi ye-23:00 ummangali (29) wayekunye nabahlobo bakhe kwaye wayetyelele indawo yokucima ukoma ejikeleze indawo yaseChatty. Ngentsimbi ye-03:00, ummangali nabahlobo bakhe basebenzisa ijikaleza ukubaqhubela ekhaya. Emva kokuba kuthotywe wonke umntu naxa ummangali eyedwa eteksini, umrhanelwa waqhuba imoto esingise eQunu apho wamdlwengula khona. Emva koko wehliswa kwikhaya lomhlobo wakhe eMarikana.

 

Ixhoba lavula ityala lokudlwengulwa kwaSAPS Chatty.

Kuye kwaqulunqwa isazisi somrhanelwa kwaye umalunga ne-1,6m ubude kwaye uphakathi kweminyaka engama-25 nama-30 ubudala. Uneendevu zeendiza. Umrhanelwa ngokwe-identikit eqhotyoshelweyo wayenxibe ijezi egreyi kunye nebhulukhwe emfutshane engwevu.

Onokuthi ancedise ekukhangeleni umrhanelwa, uyacelwa ukuba atsalele umnxeba uD/WO Timothy Miyayo ku-071 475 1731 okanye iCrime Stop ku-0860010111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

NCEDA UQAPHELE UKUBA OKUQATSHIWEYO YI-IDENTIKIT AKUKHO PHOTO.

Imibuzo: UKapteni uSandra Janse Van Rensburg
0827797173

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks