27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

AMAPOLISA APHANDA NGOKUBULALA KWIZIGANEKO EZAHLUKENEYO

Icandelo lolwaphulo mthetho iSAPS liphanda izehlo ezibini ngokwahlukeneyo apho umphathi wetekisi udutyulwe wabulawa eGcuwa,kwaye kufunyenwe izidumbu zamadoda amathathu zinamanxeba okudutyulwa eIndwe izolo nge-19 kuTshazimphunzi ka-2023.

Kwisehlo sokuqala nge-19 kuTshazimpunzi ka-2023,amapolisa abizelwe kwisimangalo sokudubula kuhola wendlela kwilokishi yaseMzamo, eIndwe. Izidumbu ezithathu zamadoda ezinamanxeba okudutyulwa zifunyenwe zithe saa endleleni. Iimeko ezigquba ukubulawa kwabantu azikaziwa okwangoku kwaye livuliwe ityala lokubulala .

Kwesinye isiganeko esingahambelaniyo, umnini wetekisi oneminyaka -52 ubudala, ubhubhele kumanxeba okudutyulwa emva kokuba ebalekiselwe kwisibhedlele sasekuhlaleni eGcuwa. Kutyholwa ukuba ixhoba belilindele uthathwa ngethuba abarhanelwa abangaziwayo belidubula amatyeli amaninzi, phambi kokuba libaleke. Kuthyolwa ukuba ixhoba lesibini, ebelizama ukunceda,nalo liye ladutyulwa lenzakala. Iinjongo ezaqala ezi zehlo azaziwa.

Amapolisa acela nabani na onolwazi malanga nezintlekele zalamatyala, batsalele iqela lokuphanda ku 0823017762.

Ukomishinala wephondo uLieutanant Njengele Nomthetheleli Mene uye wathi” iqela lethu labacuphi abanamava ngokuqinisekileyo aliyi kuphumla de aba babulali babanjwe kwaye bavele phambi kwenkudla. Siyabongoza amalungu oluntu ukuba aphume nalo naluphi na ulwazi oluya kukholela ekubanjweni ngokukhawleza kwaba babulali bangena lusini. Kungathethwana ngokungaziwa, kusetyenziswa inombolo yokumisa ulwapholo mthetho ku 0860010111”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks