16.2 C
King William's Town
Friday, July 18, 2025

Ibhunga likamasipala waseMbhashe liphonononga imigaqo-nkqubo yalo

Imigaqo-nkqubo yinkqubo-sikhokelo yemithetho ekhokelayo ekuphunyezweni kwegunya lonikezelo lweenkonzo. Le seshoni ekhokhelwe nguSomlomo – u Ceba Babalwa Majavu, iqale ngomhla we-18 kuTsazimpuzi iza kuqukunjelwa ngomhla wama-21. Intatho-nxaxheba nentsebenziswano ekhuthazwe nguSomlomo weBhunga, ngexesha lokuvula kwakhe iseshoni ibonakalisiwe ngokwenene kule seshoni, nanjengoko ooCeba, iiNkosi,imibutho yabasebenzi inikezele ngeengcebiso kunye negalelo malunga nendlela abalawuli kunye neenkokeli ezinokuthi ziphumeze ngayo uhlaziyo lwemigaqo nkqubo efanelekileyo.

USodolophu uCeba Samkelo Janda kumazwi akhe okudakanca injongo yeseshoni ubalule phakathi kwezinye izinto ukuthi; ukuphononongwa kwemigaqo-nkqubo linyathelo elingundoqo ekubeni ngumkhomba ndlela kuphuhliso loluntu. “Singayiqulunqa imigaqo-nkqubo kodwa kufuneka iqwalaselwe kwakhona ukuze apho kuqatshelwa izikhewu sikwazi ukusabela kwimingeni esidibana nayo kwimiba yokuhanjiswa kweenkonzo. Kanajalo kufuneka siqwalasele ukuthi kukhona abo basoloko beceba iindlela zokuyiqhatha, kodwa masingayeki ukufumana izisombululo, kunoko siqhubeke ukusebenzisa ubuchule bokuthintela izenzo ezifana.

Imigaqo-nkqubo kufuneka iphendule kwiimfuno zesicwangciso (IDP) esamkelwe libhunga, kusetyenziswa imali ecwangciselwe izidingo zoluntu kunye nezixhobo ezibekelwe ukuphunyezwa kwezidingo zabantu. Ndiyakhuthaza ukuba uluntu maluqaphele umsebenzi owenziwa nguMasipala ngokubhekiselele kwindlela acwangcise ngayo ukwenza umsebenzi, kuba iimfuno azinakufezekiswa ngaxeshanye”, utshilo uSodolophu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
46 %
4.9kmh
13 %
Fri
14 °
Sat
20 °
Sun
28 °
Mon
19 °
Tue
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks