OSAZE NGOBUSO EZWENI USALAHLEKILE

Gqeberha ngomhla wama-21 kuTshazimpuzi ka-2023: Ibutho elijongene nokuxhatshazwa kwabantwana nolwaphulo-mthetho lwezeSondo (FCS) eGqeberha licela uncedo kuluntu ekufumaneni umkhondo wentombazana eneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala neyalahleka ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyoMsintsi ngo2022 kwiVoisen Road eHelenvale.

Kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanyiweyo malunga nentsimbi ye-14:30, uNikita Williams owaziwa ngokuba nguDolly wemka ekhayeni lakhe esiya evenkileni kwaye akazange abuye.

Umama waxela ukulahleka kwakhe emapoliseni ngomhla we-12 kweyeDwarha ka-2022. Ngokukanina, abantu baye bambona kumatyeli aliqela equqa kwimigodi yeziyobisi eDurban Road nasembindini.

Ngexesha lokuduka kwakhe, wayenxibe ilokhwe yasehlotyeni yedenim kwaye engenazihlangu.

Amapolisa acela ukuba nabani na onokuba nolwazi ngendawo akuyo ukuba atsalele icandelo leFCS, uD/Sgt Ayanda Songxaba ku-071 352 4733 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane nabo. Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

Imibuzo: Col Priscilla Naidu
071 362 8726

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA