15.6 C
King William's Town
Saturday, April 26, 2025

Amapolisa aqinisekise ukuba kufunwa intlawulelo yomfazi wase-Gqeberha othunjiweyo.

Amapolisa aqinisekise ukuba isicelo sentlawulelo senziwe ngoku ukuze kubuyiswe ngokukhuselekileyo uRajathi Gnanaraj.

Amapolisa aqinisekise ukuba isicelo sentlawulelo senziwe ngoku ukuze kubuyiswe ngokukhuselekileyo uRajathi Gnanaraj.

Ukanti isithethi sooKhetshe eMpuma Koloni, uLieutenant-Colonel Avele Fumba, akasichazanga isixa, esithi bagxile ekubuyeni kukaGnanaraj ekhuselekile. Amapolisa athi ixhoba elineminyaka engamashumi amane nanye (41) ubudala laxhwilwa lijongwe ngumyeni walo ngaphandle kwendawo asebenza kuyo, eDeal Party ngoLwesihlanu ebusuku.

Isithethi sithe esi sibini sasihleli kwimoto yabo eRhini ngethuba befikelwa ngabarhanelwa abasixhenxe (7) ababexhobile.

Abarhanelwa bophula ifestile zemoto emva kokuba uGnanaraj engazange aluvule ucango lwemoto kwaye bamkhuphela ngaphandle kwimoto yohlobo lweToyota Corolla esilivere eyathi yabaleka isiya eNew Brighton.

Abanye abarhanelwa bangena kwiHaval ebomvu baqhuba, beshiya ngasemva umyeni we bhinqa elixhwiliweyo.
Nabani na onokunceda ekukhangeleni ixhoba angatsalela umnxeba weSAPS Mount Road, uKapteni Elaine Metelerkamp 082 779 7186, Crime Stop ku-08600 10111, okanye isikhululo samapolisa esikufuphi kubo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
87 %
1.9kmh
35 %
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °
Wed
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks