Amapolisa ase Mpuma Koloni azingela ababulali kwintlekele yaseBityi.

By Ayabonga Ntengu

Amalungu osapho amahlanu abulewe eBityi, inkonzo yesiPolisa iyaphanda.

Amalungu entsapho babulewe kwizindlu ezimbini ezahlukeneyo ngaphakathi kweyadi enye.

Abazali – umyeni nenkosikazi – bebelele kuNgquphantsi ngethuba kungena amadoda amabini abadubula babhuba.

Emva koko la madoda aphuma kuNgquphantsi, ayokudubula kwelinye igumbi apho kulele amanye amalungu osapho, nto leyo ebangele ukuba kubhubhe abanye abantu abathathu konzakala nabanye ababini.

Emva koko la madoda aphuma kuNgquphantsi adubula komnye umzi apho kulele amanye amalungu osapho, nto leyo ebangele ukuba kubhubhe abanye abantu abathathu konzakala nabanye ababini.

UMkomishinala wamapolisa eMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uqokelele bonke oovimba abafumanekayo ukuze bazingele abo babulala amalungu osapho amahlanu eBityi ngaseMthatha ngoLwesihlanu.

Ngokweengxelo zokuqala, amalungu osapho ebelele kwizindlu ezimbini ezahlukeneyo ngaphakathi kweyadi enye.

UMawisa uthi abantwana ababini abasindileyo bakwazile ukuqhwesha baze balumkisa abamelwane, abathe baxelela amapolisa.

“Amadoda amabini kunye nabasetyhini abathathu babhubhile logama abantwana ababini abonzakeleyo basiwe kwisibhedlele esikufutshane ukuze bafumane unyango,” wongeze watsho uMawisa.

UMene wasigxeka esi senzo kwaye wathumela iqela labacuphi abanamava ukuba bazingele abahlaseli.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA