Olunye udubulo eMpuma Koloni lubangele ukubhubha kwabantu abathathu kwaze kwalimala wamnye.

By Nontando Ntsevu

IPhondo leMpuma Koloni liselusizini kwakhona emva kokubhubha kwamadoda amathathu kwaze kwashiyeka ibhinqa lonzakele kwidolophu encinci yasezilalini.

Udubulo lwenzeke kumbindi weWillowvale ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeDwarha 2024. Oku kubeka kwisibhozo inani labantu ababulewe kwiziganeko ezibini zodubulo eMpuma Koloni ngoLwesihlanu.

Iqela lodubulo olubangelwa bubundlobongela beeteksi, ulwaphulo-mthetho lokuphanga, iimfazwe zemimandla yeziyobisi kunye nohlaselo lokuziphindezela lunyakazise idolophu kutsha nje.

Isiganeko saseWillowvale, apho kusetyenziswe imipu ezizisebenzelayo, senzeke kwiiyure ezine phambi kokuba kudutyulwe amalungu amahlanu osapho lakwaSeti kwilali yaseNcenjana, eMthentu, kwindawo yamapolisa eBhityi ngaphandle kwaseMthatha malunga nentsimbi yesibhozo ngokuhlwa ngoLwesihlanu.

Isithethi samapolisa uColonel Siphokazi Mawisa uthe ngeCawe amapolisa aseWillowvale aphanda amatyala amathathu okubulala nelinye lokuzama ukubulala.

“Amadoda amathathu adutyulwe abhubha kwaze kwathi ibhinqa langxwelerheka ngethuba lodubulo kumbindi weWillowvale ngoLwesihlanu ngentsimbi yesine emva kwemini,” utshilo uMawisa.

Ngokolu lwazi, amapolisa eve izithonga zompu kwindlela enkulu eWillowvale ahamba ayokuphanda.

Ekufikeni kwabo bafumene amadoda amathathu aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu ukuya kumashumi amathathu anesibini ubudala enamanxeba eembumbulu ecaleni kwemoto yohlobo lweToyota Avanza.

INkosikazi eneminyaka engamashumi amathathu anesibini nayo yadutyulwa yasiwa kwisibhedlele esikufutshane ukuze ifumane unyango.

Isizathu sokubulala asikaziwa okwangoku kwaye uphando luyaqhuba. Akukho mntu ubanjiweyo nakokudutyulwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA