Amapolisa aseBethelsdorp acela uncedo kuluntu

Amapolisa aseBethelsdorp acela uncedo kuluntu ekufumaneni umkhondo ngezihlobo nezalamane zendoda eyafunyanwa ibulewe kumhlaba waseBooysens Park ngoMgqibelo umhla we-12 kweyoKwindla ngo-2022.

Kutyholwa ukuba ngalo mhla ukhankanyiweyo ngentla, malunga nentsimbi yethoba(08:55), amapolisa aphendule kwisikhalazo somzimba olele ebaleni eVastrap, eBooysens Park kwaye lomzimba utshile.

Eqhuba uphando oluthe kratya amalungu afumene umzimba wendoda etshileyo. Umfi ebenxibe iitekkie zeconverse ezibomvu, itop ebomvu, ibhulukhwe enemigca eluhlaza namhlophe enebhanti elimnyama.Ityala lokubulala liyaphandwa. Nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni usapho lwaloo mntu okanye onokuthi akwazi ukuchonga umntu obhubhileyo okanye anganikezela ngazo naziphi na iinkcukacha ngokusweleka kwakhe, uyacelwa ukuba atsalele umnxeba wakwaSAPS Bethelsdorp D/Sgt Thandiswa Nobebe ku-082 442 1633 okanye uCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane okanye uthumele iinkcukacha ngeMYSAPSAPP. Lonke ulwazi olufunyenweyo luya kuthathwa njengemfihlo kwaye abafowunayo banokukhetha ukungachazwa ngamagama

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
18 ° C
18 °
18 °
91 %
1.8kmh
100 %
Sat
18 °
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA