Inkundla yalapha ku Komani ayigqibanga ukumamela isicelo se bheyile katata Mfundisi neqale ngomhla 15th March yaphinda namhlanje umhla 16th March.
Umphandi wetyala uye wadandalazisa obakhe ubungqina obunika umfanekiso-ngqondweni wokwenzekayo ngobusuku becawa 06th March ngethuba umama lo olixhoba ebanga ngelithi umbhodamo uqale ngexesha engqengqile, emamele ngolonwabo u Rev. Faleni ebhexesha inkonzo eyomelezayo.
Kuthe kanti ngobubusuku kukufika kotshaba wabe ugaxeleka kulemeko.
Uhambisa ngelithi lomphandi ucela utata angayinikwa Bail kuba ucingela safety yexhoba elingumama lo wakwakhe, kuba usenokwenza imigudu yokukhangela lamadoda wayesebenza nawo athi makugqityezelwe obekuqaliwe, xa engaphakathi noko mancinci amathuba okwenza lonto.
Uphinda athi lomphandi kaloku yi Gender Based Violence lena kwaye lityala elinobuzaza ngakumbi ngelixesha u Mzantsi Afrika ugutyungelwe bubumnyama.
Ukanti ke umphandi uhambisa athi utata lo ufunyenwe kwi taxi eziphumayo engumntu oya e Ugie and Maclear apho athunywe khona libandla akhonza kulo njengo Mfundisi, ngoko ke yena umphandi ukholelwa ukuthi ummangalelwa ebezama ukuzimela, nto leyo ebizakwenza angafumaneki xa kufike ixesha lokuxoxwa kwetyala.
Kukwadandalaziswe nokuthi nalapha kwi family yakhe ukhona obhale incwadi ecenga lenkundla ukuthi utata lo angayinikwa i Bail. Ngaphezu koko kukho ne petition esayinwe ngabahlali ecela lenkundla ka Mantyi yalapha ku Komani ukuthi ingasivumi esisicelo se Bail.
Inkundla iye yasabela ku mphandi wetyala ukuthi uhambe njani na njengoko ebethunywe ukuya kuqinisekisa i address ebichongwe ngummangalelwa ngelithi xa enokufumana Bail uyakufumaneka kuyo: udano lolokuba uthi umphandi ufike kukho omnye u brother ka Mfundisi nokhabe ngawo omane esithi yena akafuni nokumbona u Mfundisi kulamasango akwa Nozulu.
Isishiye sikhwankqisekile ke lena kuba kulapho ebesithi angahlala khona xa isicelo sakhe se Bail sinokwamkeleka kulenkundla.
Okokugqibela, umphandi uqinisekile ukuthi umbuso unetyala eliluqilima ngakummangalelwa.
Kuzakubuyelwa kulenkundla ngomhla 22nd yalenyanga ka March 2022 kusasa.
Mandivale ngelithi, nangona utata lo ebanjelwe elisikizi kodwa masizole sinike inkonzo yezobulungisa iqhube kude kube sekugqibeleni.
Enkosi.
MAJOLA.
16th March, 2022