Inikwe uphum’aphele kanaphake kwisebe lezeMfundo Inqununu eyangenisa umtwana kwindlu yangasese.

Inikwe uphum’aphele kanaphake kwisebe lezeMfundo Inqununu eyangenisa umtwana kwindlu yangasese.

Owayesakuba yinqununu yesikolo saseMpuma Koloni nogama linguLubeko Mgandela, unikwe uphum’a phele kanaphakade lisebe lezeMfundo emva kokufunyanwa enetyala lokuhlukumeza umfundi owamyalela ukuba akhangele ifowuni yakhe elahlekileyo kwilindle elikwindlu yangasese esikolweni kunyaka ophelileyo.

Lenqunumu ikhutshiwe kwirejista yootitshala kwaye akasokuze aphinde avunyelwe ukuba asebenze nabantwana kweli loMzantsi Afrika. Ingqonyela yeSouth African Council of Educators (SACE) uElla Mokgalane uxelele isebe lezemfundo eMpuma Koloni ngesi sigwebo ngoLwesibini weveki ephelileyo.

UMokgalane uthe ikomiti yokuziphatha ye-SACE yenza isindululo kwaye yasamkela isohlwayo ngomhla we-10 kweyoMdumba ka-2022. Ukanti esi sigqibo siza emva kokuba ibhunga likhuphe uMgandela phambi kwekomiti yoluleko nge28 May 2021.

Ngomhla woku-1 kweyoKwindla kulo nyaka uphelileyo, owayeneminyaka engama-49 ubudala owayesakuba leNqununu yacaphukisa uMzantsi Afrika emva kokuba elijelo lakhupha ibali ngomtwana wesikolo samabanga aphakamileyo iLuthuthu Junior Secondary ongeniswe kwindlu yangasese yileNqununu, ukuba akhuphe unomyayi wakhe embophele ngentambo entyumpantyumpeka kwilindle.

Esisehlo ke sabangele uqhushululu kwaye abantu bathi makabanjwe agxothwe emsebenzini. Inkundla kamantyi yaseTsomo igwebe uMgandela iinyanga ezingamashumi amabini anesine entolongweni okanye intlawulo yeR4 000 emva kokuvuma ityala lokuxhaphaza umntwana.

Isebe lezemfundo eMpuma Koloni limgxothile

NB:imifanekiso ayiyo eyesiganeko

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA