21.2 C
King William's Town
Tuesday, April 2, 2024

Amapolisa aseGqeberha aphanda uthotho lolwaphulo-mthetho olwenzeke eGqeberha ngalempela – veki

Abacuphi bomasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay baphanda ityala lokubulala kulandela isiganeko sokudubula eBooysens Park ngokuhlwa kwangeCawe.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi umfi ubonwe emisa isithuthi sakhe kwisitalato iMkaliphi, emva koko kuvakala izithonga zompu.

Uthi amalungu asekuhlaleni afumene umzimba kaBonginkosi Qase oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu ubudala ecaleni kwesithuthi sakhe enamanxeba amaninzi okudutyulwa. Unobangela wolu hlaselo awukaziwa kwaye akukabanjwa mntu.
Uphando lwamapolisa luyaqhuba

Kwelinye icala Ibutho laseGqeberha elijongene nobuNdlobongela kuSapho, ukukhuselwa kwabantwana, kwakunye namatyala ezesondo liphanda ityala lezityholo zodlwengulo eSchoenmakerskop ngaphandle kwesixeko.

UKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi uluntu lufumene ixhoba, inkosikazi eneminyaka engama-23 ubudala, ngeCawe.

Uthi bamfumene ngentsimbi ye-9:30 kusasa.

UJanse van Rensburg uthi akukho zinkcukacha zikhoyo, kwaye uphando lusaqhuba.

Kwisehlo sangoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anethoba (29) kuMarch kudutyulwe kwabulawa umnini wethaveni yaseGqeberha ze abanye ababini bonzakala kulandela isiganeko sokudubulana esenzeka Kwazakhele ngobusuku.

UKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi amapolisa ala mmandla ebegadile, aqaphele iteksi yohlobo lweToyota Quantum enemingxuma yeembumbulu kwiikona yaseDaku nakwisitalato iSalumtu amisa ukuze enze uphando.

Uthi bawubhaqe umzimba kaPhilasande Jakavula onamashumi amahlanu anesithathu (53) waseBlue Water Bay, ongumnikazi wendawo yokucima ukoma kwa Coke eMotherwell.

UJanse van Rensburg uthi umzimba wakhe ufunyenwe kwisitulo somqhubi logama owasetyhini, naye obenamanxeba okudutyulwa, efunyenwe elele ecaleni kweQuantum. Uthi kwakhona kutyholwa ukuba enye indoda yadutyulwa baze abonzakeleyo basiwa esibhedlele.

Unobangela wokudutyulwa kwakhe awukacaci kodwa icandelo lephondo laseGqeberha liphanda ngalo mba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
29 %
6.2kmh
30 %
Tue
23 °
Wed
26 °
Thu
32 °
Fri
18 °
Sat
14 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks