Amapolisa abhengeze ukubanjwa kwabanye abantu abalishumi elinesihlanu njengenxalenye yophando oluqhubekayo kumatyala okubulala nokuzama ukubulala kwiYunivesithi iFort Hare.
Isithethi samapolisa kuzwelonke, uBrigadiya uAthlenda Mathe, uthi, ukubanjwa kwabo kwenziwe ligqiza likazwelonke elabelwe ukuphanda ngezi ziganeko.
“Oku kwenza ukuba inani labo babanjiweyo kweli tyala libe ngabarhanelwa abangamashumi amabini anesihlanu,” utshilo.
UMathe uthi abarhanelwa abongezelelekileyo babanjwe kumaphondo ohlukeneyo kwimpelaveki yePasika aquka, iGauteng, iMpuma Koloni neNtshona Koloni kwakunye neKwaZulu-Natal.
Uthe bajongene namatyala obuqhophololo, ukuxhwila abantu, ukubulala, kunye nokuzama ukubulala.
Oku kubanjwa kunxulumene nophando oluqhubekayo ngokubulawa kukamanejala wezithuthi kwiYunivesithi yaseFort Hare, uPetrus Roets, kunye noMboneli Vesele, unogada kaSekela Ngqonyela uNjingalwazi Sakhela Buhlungu.
UMathe uthe abarhanelwa balindeleke ukuba bavele okokuqala enkundleni ngoLwesibini, kwinkundla kamantyi yaseDimbaza eMpuma Koloni.
UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Fannie Masemola uthi igqiza elijongene nalomba lizakuqhuba lisenza umsebenzi walo ngaphandle koloyiko okanye umkhethe. “Iqela belisebenza nzima lizama ukufikelela encotsheni yokuba ngubani ongunobangela worhwaphilizo, ubuqhophololo, nokubulawa kwabantu eyunivesithi,” utshilo.