19.2 C
King William's Town
Tuesday, April 2, 2024

UMphathiswa wamashishini asakhasayo uzakunikezela ngezixhobo eMthatha

UMphathiswa woPhuhliso lwamaShishini amaNcinci, uStella Ndabeni-Abrahams, kunye neqela lakhe, ngoLwesine, umhla wesine (-4) ku Aprel kulo umiyo, bazakutyelela kwisithili sase-OR Tambo eMpuma Koloni
ukuqalisa ngenkqubo yonikezelo lweenkonzo njengenxalenye yeMbizo yaBaphathiswa.
Le nkqubo, ezakubona ukonyuswa okukhulu nokumandla kumashishini amancinci
esebenza kulo mmandla, isingathwe ngentsebenziswano noMasipala weSithili i-OR Tambo
kunye noomasipala basekhaya iNgquza Hill, iPort St. Johns, iNyandeni, uMhlontlo kunye
King Sabata Dalindyebo.

Ukanti Inkqubo yosuku izakuqala ngokuvulwa ngokusesikweni kweMarike yakwaNtozonke
eMthatha, kumasipala wengingqi iKing Sabata Dalindyebo. Ikwakubonisa isibonelelo esiyinxalenye
yokuphunyezwa kwezibonelelo zeSebe leSabelo sezoQoqosho eKwabelwana ngaso (i-SEIF). Nge-SEIF, isebe lithi lizakubonelela ngeeSMME, umafelandawonye
kunye necandelo elingekho sikweni elinamaziko afanelekileyo okuqhuba amashishini, ukudala
indawo yokusebenza efanelekileyo kunye neyamashishini amancinci. Kwingxelo yeSebe, lithi inkqubo ikwanegalelo ekuqhubeleni phambili injongo yokuhlaziya kwakhona
uqoqosho lwaselokishini.
Isebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci lixhase leprojekthi ngemali efikelela
Kuma R11 700 000.00. Kusenjalo Bangaphezu kwekhulu (-100) abarhwebi abaza kuxhamla kweli ziko. Phakathi kwabarhwebi abaza kuhlala kweli ziko ngabo bagxile kwiimpahla zesintu, namayeza emveli.

Iseshoni yokuqala yenkqubo (ukuvulwa ngokusesikweni kweMarike yakwaNtozonke) iya kuqala ngentsimbi yethoba kusasa kwisitalato iMadeira, eMtata. Oku kuya kulandelwa yiseshoni yesibini yale nkqubo – imbizo yabaPhathiswa kunye nokunikezelwa kwezixhobo kubaxhamli. Kusenjalo Umphathiswa uNdabeni-Abrahams kamva uzakunikezela ngoomatshini kunye nezixhobo kubarherbi abalikhulu elinesihlanu (-105)
abangekho sikweni njengenxalenye yamaShishini angekho sikweni namaNcinci wesebe
Kwinkqubo yoPhuhliso (IMEDP). Ukanti I-IMEDP ithi ize njegesisibonelelo esiyi-100% esifuna uku
ukukhulisa amashishini angekho sikweni kunye namashishini amancinci ukuba afikelele kwisakhono sawo esipheleleyo ngokuncedisa ekuphuculeni
ukukhuphisana nokuzinza. Ababekwe phambili iyakuba ziiSMME ezilawulwa
ngabasetyhini, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo, ezilokishini nakwiindawo ezisemaphandleni eMzantsi
Afrika.

Kananjalo uMphathiswa kunye nooSodolophu kulindeleke ukuba badibane noluhlu olwahlukeneyo lwabachaphazelekayo ngentsimbi ye 10:00 kusasa
Kwiholo yamaKrestu i-Rhema (RUCC Hall) ,eSouthernwood, eMthatha.
Kuleseshoni yesibini kuyakubandakanywa amaShishini amaNcinci namaPhakathi (ii-SMME), abarhwebi abangekho sikweni,
iinkokheli zemveli, iiforam zoshishino kunye noluntu kwiseshini yeembizo zaBaphathiswa.
Ukanti Abachaphazelekayo, ingakumbi amashishini amancinci, bazakuba nethuba lokukhulisa
imiba nobunkokeli kunye nokufumana iimpendulo ezikhawulezileyo nezithe ngqo.
Imbizo yaBaphathiswa iya kuba liqonga loosomashishini ukuba bahlole
ukusabela kweenkqubo zesebe kwiimfuno zabo kunye nokwenza
iingcebiso kwiSebe nakwii-arhente zalo.

Isebe liphinde lagxininisa ukuba, ixabiso lembizo, njengendlela yokuthatha inxaxheba kwinkululeko kunye nentsebenziswano kulawulo, luhlala kwisakhono salo esisodwa sokukhuthawa kwezimvo phakathi kwabahlali, abaxhamli kunye nabo banyulelwe ukubamela ukuqinisekisa uphuculo oluqhubekayo kumxholo, umgangatho kunye nesantya sonikezelo lwenkonzo.
Kusenjalo Kuza kubakho imiboniso yesebe, ii-arhente zalo, umasipala wendawo kunye nabathathi-nxaxheba kwiphondo ukwazisa ngoluhlu lweenkonzo kunye neminikelo
karhulumente anokuthi axhamle amashishini amancinci kunye namalungu oluntu
ngokubanzi. ISebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci kunye namahlakani alo lithi lizimisele ukuqinisekisa ukuba iinkonzo zikarhulumente ziyafikeleleka kubo bonke abemi nokuba
akukho mntu ushiyekayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.2 ° C
19.2 °
19.2 °
62 %
2.4kmh
62 %
Tue
27 °
Wed
26 °
Thu
30 °
Fri
18 °
Sat
13 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks