Abaphathi beSAPS eMbizana benza ugqogqo bekhangela abarhanelwa abadubule babulala ipolisa beshiya amanye amagosa asebupoliseni enzakele ngethuba kuphangwa ishishini ngentseni namhlanje umhla weshumi elinesihlanu kweyeKhala 2024 (15/07 kwindlela yaseMbizana.
Esi siganeko senzeke kwindawo ekugcinwa kuyo iimoto kumbindi waseMbizana xa uConstable oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala kunye namanye amagosa asebupoliseni bephuma kwindawo yolwaphulo-mthetho bekhwele iimoto zamapolisa ezintathu ezohlukeneyo.
Ngokwengxelo, amapolisa ebephuma kwindawo yolwaphulo-mthetho kwindawo yase-Ezityatyaneni ngaphandle kwaseMbizana ngethuba ehlaselwa ngabarhanelwa abaqikelelwa kumashumi amabini (+-20) nangaphezulu ubuninzi ecaleni kwesikhululo sokugcwalisa. Emva koko abarhanelwa badubule kumagosa amapolisa ebekwezi zithuthi kwaye babulala uConstable logama amanye amapolisa esonzakala.
Emva kokudubula, aba barhanelwa bathathe imipu yamapolisa bazama ukuqhushumba isefu yeGaraji yePetrol kodwa akwabikho mpumelelo babaleka kwindawo yexhwayelo.
Amatyala okubulala, ukuzama ukubulala kunye nokuphanga ishishini avuliwe ukuze kuphandwe. Abacuphi abasuka kwiCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili (elaziwa ngokuba ziiHawks) baza kuphanda eli tyala. Isazisi sikaConstable obhubhileyo siya kukhutshwa emva kokuba usapho lwakhe lwazisiwe.
Umkomishinala wephondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uqinisekise ukuba nabani na ophazamisa uxolo nobulala amapolisa akhusela uluntu uya kubanjwa kwaye atshutshiswe lo gama ekwagxeka ukuchas’ umthetho nolwaphulo-mthetho.
“Ukubulawa kwegosa lamapolisa ngethuba lisebenzela uluntu kujongela phantsi iinzame zombuso zokulwa nokuthintela ubugebenga,” wongeze watsho.
By Anita Qubula