UMongameli Cyril Ramaphosa utyikitye iSibhengezo 170 sowama-2024 esigunyazisa iCandelo loPhando eliKhethekileyo (i-SIU) ukuba liphande izityholo zolawulo olugwenxa kwimicimbi yoMasipala oMbhaxa we-Nelson Mandela Bay (NMBMM) kunye nokubuyisela nayiphi na ilahleko yemali efunyenwe nguRhulumente okanye i-NMBMM.
Isibhengezo 170 sika-2024 sigunyazisa i-SIU ukuba iphande ngokuthenga kunye nemvumelwano yempahla neenkonzo nguMasipala okanye egameni lika Masipala kubaboneleli beenkonzo zangaphandle, isivumelwano esasibanika igunya lokuhambisa nokukhupha izibane zasesitalatweni ze-LED kunye nezibane zokukhanyisa ezitalatweni, kunye neentlawulo ezenziwe ngokunxulumene noko ngendlela engalunganga.
I-SIU iya kuphinda iphande ngayo nayiphi na inkcitho engagunyaziswanga, engekho mgaqweni, engenaziqhamo, neyilahleko ekungenwe kuyo yi-NMBMM okanye nguRhulumente. Umda wophando ukwabandakanya nakuphi na ukuziphatha okungekho mthethweni okanye okungafanelekanga kwamagosa okanye abasebenzi be-NMBMM, ababoneleli abafanelekileyo okanye ababoneleli benkonzo okanye nawuphi na omnye umntu okanye iziko.
IsiBhengezo sibandakanya izityholo zokuziphatha ngokungekho mthethweni kunye nokungafanelekanga okwenzeka phakathi komhla wokuqala (01) Novemba 2020 kunye nomhla weshumi elinesibini (12) kaJulayi 2024, umhla wokupapashwa kweSibhengezo okanye ngaphambi komhla wokuqala (01) ngoNovemba 2020 nasemva komhla weSibhengezo esifanelekileyo, esinxulumene, kunye nesihambelana nemibandela okanye ebandakanya abantu abafanayo, amaqumrhu okanye izivumelwano eziphandiweyo.
Ukongeza ekuphandeni ngolawulo olugwenxa, urhwaphilizo nobuqhophololo, i-SIU iya kuchonga ukusilela kwenkqubo ze emveni koko yenze izindululo ezicwangcisiweyo zokuphucula imilinganiselo yokuthintela ilahleko yexesha elizayo.
Ngokuhambelana noMthetho wamaCandelo oPhando aKhethekileyo kunye noMthetho wama-74 ka-1996 (uMthetho we-SIU), i-SIU
iyakuthumela nabuphi na ubungqina obukhomba kulwaphulo-mthetho obuthe yabufumana ngexesha lophando lwayo. IGunyabantu lezoTshutshiso leSizwe (NPA) lifuna amanye amanyathelo.
I-SIU igunyaziswe nguMthetho we-SIU ukuba imisele amanyathelo oluntu kwiNkundla ePhakamileyo okanye iSigqeba esiKhethekileyo egameni laso ukulungisa nasiphi na isenzo esigwenxa esithe sabhengezwa ngexesha lophando lwayo olubangelwe zizenzo zorhwaphilizo, ubuqhophololo, okanye ulawulo olugwenxa.