Amapolisa enza konke okusemandleni awo ukujongana namatyala obuqhetseba.

By Anita Qubula.

UMkomishinala wamaPolisa kuZwelonke uFanie Masemola uqinisekise abahlali baseMthatha eMpuma Koloni ukuba amagosa akhe enza konke okusemandleni awo ukujongana namatyala okukhwabanisa.

Kwiveki ephelileyo, indoda ebizibiza ngokuba yinkokeli yokufuna imali yokukhusela kubantu iselweke emva kokudubulana namapolisa. UMasemola uthethe noonondaba kwindawo apho abahlali bebegrogriswa khona.

Uthi, baqinisekisa uluntu ukuba iqela elizinikeleyo labaphandi kunye namalungu asuka kumacandelo awodwa anikwe uxanduva kwiqela elijongene nokuxhwilwa asebenza kolu lwazi-ngeenjongo zokwakha amatyala kunye nokuzisa abo banoxanduva lokugrogrisa.

Umkomishinala wamaPolisa ePhondweni uNomthetheleli Mene uthi sele bemisele igqiza eliphanda ngobuqhetseba.

UMene ukwathe, ngomba wamalungu sele bekhethe igqiza eligxile kumatyala obuqhetseba, ngokusekelwe kumava abo nendlela abaqhuba ngayo yinto yokuqala. Eyesibini yeyokuba uthi uthembe ukuba iqela liza kujongwa, ukwathe basaqala ngokunyusa inani la malungu kuba bayabubona ubungakanani bobu buqhetseba ephondweni. Ke leyo yinto yokuqala, inyathelo elilandelayo, inkqubo yovavanyo iya kuvela.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA