I-NPA ilirhoxisile utshitshiso lwayo ngakwiNkulumbuso yaseMpuma Kapa uOscar Mabuyane.

IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithi alizuku basayitshutshisa  iNkulumbuso yaseMpuma Kapa uOscar Mabuyane nabanye ngenxa yokungabikho kobungqina.

Esi sigqibo silandela uphando olwenziwa ziiHawks malunga nezityholo zolwaphulo mthetho ngakuMabuyane.

Umbutho we-African National Congress (ANC) ephondweni usamkele esi sigqibo kwaye ukholelwa ukuba oku ibizizityholo ezimalunga nezopolitiko ngakuMabuyane.

Isithethi seNPA kwingingqi uLuxulo Tyali ucacisa ngengqiqo emva kwesi sigqibo.

“Singaqinisekisa ukuba isigqibo sithathwe ngumlawuli wezotshutshiso uBarry Madolo sokungatshutshisi uMnumzana Mabuyane nabanye emva kokuphonononga ubungqina obenziwe ngabatshutshisi. Emva kophando olwenziwa ngooKhetshe, kwathathwa isigqibo sokungatshutshisi kuba sibona ngathi akukho tyala linokuphumelela.”

SourceSABC News

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
64 %
2kmh
82 %
Sun
24 °
Mon
23 °
Tue
23 °
Wed
31 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA