UMkomishinala wePhondo leMpuma Kapa uyakugxeka ukuhlaselwa kwamapolisa.

UMkomishinala wePhondo leMpuma Kapa uLieutenant General Nomthetheleli Mene ulugxeka kabukhali uhlaselo lwakutsha nje lwepolisa eMandela Park, eMthatha ngale ntsasa yomhla wesithandathu kweyoMsintsi 2024.

Ngokweenkcukacha, iGosa elineminyaka engamashumi amane anesibini (42) ubudala elisebenza kwicandelo leYunithi yoNgenelelo lweSizwe lalisendleleni eya emsebenzini liqhuba isithuthi sakhe ngexesha umrhanelwa edubula ngakweli gosa. Eli gosa lakhawuleza lamisa isithuthi salo laphindisa waze umrhanelwa wabaleka ngeenyawo.

Amapolisa aphendule ngokukhawuleza kwaye kuphando kamva abamba umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala. Ipolisa alinamonzakalo lo gama umrhanelwa efumene umonzakalo kwaye usiwe esibhedlele ukuze afumane unyango.

Iimeko ezingqonge esi siganeko ziyinxalenye yophando. Nangona kunjalo uphando luyaqhubeka. Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi eMthatha kungekudala ngetyala lokuzama ukubulala.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uyazibulela iinzame ezenziwa ngamagosa ogcino-mthetho ekuqinisekiseni ukuba umenzi wobubi ukhawuleza agwetywe. Ugxininise ukuba uhlaselo kumapolisa ethu luhlaselo kurhulumente nakuluntu esilusebenzelayo, ngoko ke ubulungisa bufanele bubekho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA