By Sophumelela Singqota.
U-Usisipho Mali, ongumfundi weYunivesithi yaseJohannesburg, uqale Intsika Yenkcubeko/UJ AmaXhosa Society ngenyanga kaCanzibe 2024. Awayisungula ngokusesikweni ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyeThupha 2025, eRhawutini. Le Society yamkela abafundi abasuka kwiiyunivesithi ezininzi zaseMzantsi Afrika. UMali wayefuna kubekho indawo yenkcubeko nolwimi lwesiXhosa kuba yayingekho ngaphambili e-UJ.
Ukususela emncinci, u-Usisipho Mali wabonisa ubunkokeli obuqinileyo. Kunyaka wakhe wokugqibela kwisikolo samabanga aphakamileyo iClarendon High School for Girls eMonti, ukhokele iCultural Society. Kamva, xa wayeqala ukufunda e-UJ ngo-2024, waqaphela amaqela enkcubeko amaninzi ngaphandle kwalawo ayemele uluntu lwamaXhosa. Ekubeni wayekude nekhaya yaye elukhathalele ngokunzulu ulwimi nenkcubeko yakhe, wagqiba kwelokuba aqalise. USesam Jordan wamnceda ukuba aqalise olu hambo.

Ukuqala kwakhe kwakungekho lula. Usisipho ujongene nemingeni efana nokweyisela abanye abafundi kunye nokujongana namalungu amkileyo. Maxa wambi izinto zazingahambi njengoko kwakucetyiwe ngayo, nto leyo eyayimenza akhathazeke.
UMali uthi uhlala ezimisele kuba uyakholelwa ekukhuleni koluntu nokubaluleka kwalo.

“Eyona nto endiyifundileyo koluhambo yonke kukubaluleka kokuba ngumntwana womgquba, ukuzingca ngolwimi lwakho kunye nenkcubeko yethu. Enye into endiyfundileyo yinto yokuba inkcubeko yesiXhosa funeka uzingce ngayo ezizweni njengomXhosa, ungalahli imbo ngophoyiyana. Akhonto iwrongo ngogqama ezizweni ngolwimi kunye nenkcubeko yakho. Enye into yile yokuba ndifunde ukomelela, ngoba akululanga ukuqala kwaye ukwenza into engaka ukude nekhaya,” utshilo uMali.
UMali wongeze wathi,”Xa ndiphuma apha eyunivesithi ndingathanda ukubona iSociety iqhubeleka ikhula kwaye isomelela. Ndinqwenela ukuba kuphume iziqhamo ezintle zodwa, ndinqwenela ukuba nabanye abafundi baseUJ bafumane ikhaya pha kwi-society kwaye bafunde lukhulu ngolwimi lesiXhosa nenkcubeko.”

Ngomhla wama-30 kweyeThupha 2025, le Society yabamba ukusungulwa kwalo ngokusemthethweni. Abafundi babephuma kwiYunivesithi yaseJohannesburg, kwiYunivesithi yaseWitwatersrand, kwiYunivesithi yasePitoli, nakwiYunivesithi yeTekhnoloji yaseTshwane. UMali neqela lakhe elilawulayo, eliquka uNosizwe Qulu, Ayahluma Mguzulwa, Nkosiyoxolo Mtshoqo, noLubange Nkohla, basebenze nzima ukucwangcisa lo msitho. Baqhuba iintlanganiso, baqhelisela, baza balungiselela iingoma zenkcubeko nokudumisa.
Ukuqaliswa kwaba yimpumelelo enkulu. Ootitshala baseUJ bencoma iinzame zabafundi zokubhiyozela inkcubeko yabo. Ngasekupheleni, imbongi egama linguMasonele Nenemba yanikela intetho echukumisayo incoma uMali. Oku kwenza uMali azive eneemvakalelo kwaye wazingca. Unike umbulelo kuwo wonke umntu omncedayo: abahlobo, usapho, abahlohli, kunye namalungu oluntu. U-Usisipho Mali uthe ubunkokeli luthando lwakhe kwaye uzakuhlala elumela.

