12.2 C
King William's Town
Wednesday, July 17, 2024

Amaqela amabini aseBelgium asemdleni womdlali weStellies.

Kungenzeka ummi wase-Ivory Coast nodlalela iStellenbosch ayokukhongozela amarhewu aluhlaza e-Europe.

Amaqela amabini (2) ebhola ekhatywayo ase-Europe afuna ngamandla umdlali weqela leStellenbosch, eKapa.

IOH Leuven neK.Beerschet V.A ngamaqela aseBelgium anomdla kumdlali walapha eMzantsi Afrika nodlala ephikweni u-Anicet Oura.

UOura uzibandakanye neqela iStellies esuka kwiqela lase-Ivory Coast iASEC Mimosas ekuqaleni kwesizini edlulileyo. Lomdlali uneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala ufake amanqaku asibhozo (8) wancedisa ekufakweni kwamanqaku kabini (2).

U-Anicet ulincedile eliqela laphumelela okokuqala (1) indebe ngethuba bephumelela iCarling Knockout bebetha iTS Galaxy ngeepenalthi. Kananjalo eliqela ngokuthi ngcu kwindawo yesithathu (3) kuluhlu lamaqela akwiDSTV Premiership lizibekele indawo kwindebe yase-Afrika iCAF Confederation.

Iqela elinqenqeza phambili ukumfuna u-Anicet yi-Beerschot kulamaqela mabini (2). Lomdlali wase-Ivory Coast udlale imidlalo engamashumi amathathu anesihlanu (35) eqala kwisizini edlulileyo ukuba kwiStellies.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
12.2 ° C
12.2 °
12.2 °
81 %
1.5kmh
75 %
Wed
13 °
Thu
24 °
Fri
20 °
Sat
16 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks