20.1 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Kungenzeka uPule noDoli badibane kuMadzantsantsa.

Kushiyeke ukuba atyikitye uVincent Pule emva kovavanyo lwezempilo kwiSupersport.

Umdlali osandakhululwa liqela le-Orlando Pirates uVincent Pule kulindeleke ukuba atyikitye isivumelwano sengqesho kungentsuku zatywala.

UPule onamashumi amathathu anesibini (32) ubudala kungekudala uzakuvumelana neqela iSupersport United emva kokushiya iqela alidlalele ixesha elide iPirates.

UVincent nohleli iminyaka emithandathu (6) edlalela iBhakabhaka, kungoku nje kulindeleke ukuba aphinde aqeqeshwe nguGavin Hunt nowayemqeqesha kwiqela elabhangiswayo iBidvest Wits newayesakulidlalela phambi kokudlalela ezimnyama ngenkani.

Ugqibile ngoku kuvavanyo lwezempilo kuye kushiyeke ukuba axoxe ezinye ezifana nokutyikitywa kwakhe. Elinye iqela ebelifuna lomdlali wasesiswini yi-Amazulu nekunokwenzeka afe namthanyana ukuba kuye kwakho ezivumelwano watyikitya namadzantsantsa.

UPule ebetyikitye isivumelwano esitsha nezimnyama ngenkani kodwa izinto ziye zajika emva kokungakholwa nguye nokungabikho kwizicwangciso nomqeqeshi uJose Ribeiro.

Kwiminyaka emithandathu (6) uPule ekwiPirates udlale imidlalo elikhulu elinamashumi amane anesithandathu (146), waze wafaka amanqaku angamashumi amabini anesithathu (23), ekwancedise amatyeli alishumi elinesibini ekufakweni kwamanqaku.

Ukushiya kwakhe iBidvest Wits uVincent esiya kwiPirates wayefunwa kakhulu nayiKaizer Chiefs ngeloxesha.

Ukhumbule ukuba iSupersport isanda kutyikitya omnye umdlali obalulekileyo osuka kwiChiefs uKeegan Dolly naye udlala ecabangeni njengoPule.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
25 %
1.8kmh
26 %
Mon
22 °
Tue
25 °
Wed
30 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks